Bawongwe ngeebhasari abafundi eBhayi

Ibilu chulumanco lodwa
kwisithathu sabafundi baseBhayi abaphumelele ibanga le shumi kutshanje, ngethuba
bebonelelwa ngesipho sebhasari ngumasipala waseNelson
Mandela Bay
ebambisene nombutho owongamele iikholeji obizwa ngokuba yi-International Colleges
Group (ICG).

Ababafundi bathiwe jize
ngeshumi lamawaka eerandi (R10 000) umfundi ngamnye yokuqhuba imfundo
ephakamileyo kumaziko emfundo ale ndawo i-Intec, Damelin nePE
College
nalapho umfundi
ngamnye azakuzikhethela izifundo abazifunayo.

Osisithethi sikamasipala
uMthubanzi Mniki uthe esi sithathu sachongwa kulo nyaka uphelileyo emva koku
bonakalisa umdla ngokusoloko bebonakala kwimiboniso yezithuthi ebanjwa rhoqo
ngenyanga yeDwarha iququzelelwa ngumasipala waseNMB. “Kufanelekile ukuba
lukhuthazwe ulutsha xa lubonakalisa umdla kwizakhono nakwi zinto eziluphuhliso
kubo,” utshilo oka Mniki.

Obemele umbutho we ICG
uBusani Bhengu uchaze umbutho wakhe esithi usebenza kuzwelonke ukwagxile
kuphela kwimiba yezemfundo.

“Umsebenzi wethu
kukuncedisana nolutsha ukuba lufezekise imiqweno yalo sikwaba zamela impumelelo
kuko konke abakwenzayo.Asibakhetheli ukuba mabathini okanye bafundele ntoni na,
thina sifaka isandla baziqhube,” utshilo.

Omnye waba bafundi
uSakhile Lose nobesakufunda kwisikolo iWalmer High uthe uvuya kakhulu kukuba
abe ngomnye abazuze eli cham le bhasari esithi nangona umdla wakhe omkhulu ibi
kuku thabatha izifundo zezomthetho uya kuyisebenzisa ngokuzimisela kwezo
zifundo aya kuzikhetha kwenye yezo kholeji.

“Ndiyabulela kumasipala
nakwi International Colleges Group ngesi siphon,” utshilo uLose. Utitshalakazi
wesikolo sase Walmer uNomthandazo Gumede uthe kumnandi kuye ukubukela abantwana
ingakumbi abo baphuma kumakhaya ahlelelekileyo besonwatyiswa.