Baxakene nelindle kwizitalato zaseMthatha!

Indoda iphepha ilindle eMthentu

Abemi kwakunye nabahlali abakhe kufutshane nesitalato iMthentu, eNgangelizwe, eMthatha, bathi ilindle elihamba kwimibhobho esuka kwizindlu ezithile zeelokishi ezisemantla kunye nezo zezitalato ezingasentla kwabo, liye lithi xa lifika kwisitishi sesitalato lingahambi liqale liphuphume lenze idamana noxa iye ilungiswe rhoqo xa ithe yaphinda yaphuphuma

Indoda ehlala emzini okwikona yesitalato iMahlanza neMthentu uMpumzi Madikane (40) ithi yona ikhula umgxhobhozo lo owenziwa lilindle uyinto eqhelekileyo kwisitalato saseMthentu.

“Ekukhuleni kwam besiloba imisesana neengqekembe ezitshone kwiidreyini yemizi esemantla kwidamana eliye lenzeke xa kuphuphuma isitishi esi salapha, umhlaba kule indawo uthe tyaba, yona imibhobho esuka ngasentla iqethukela emazantsi, iphinde iqethukele emantla xa iyokudibana neyezitalato eziphambili ngokuye uhambela apha kuso,” utshilo uMadikane.

Uthi ngoku into abayiqaphelayo bengabahlali yinto yokuba ilindle eli liye lithi xa lifika kwisitishi lime ngoba ithambekile kwaye izikhukhula zamanzi ziza ngamandla.

“Izitishi ezi azogqunywa itsho lo nto yenze kube lula ukuba ilindle liphuhlukele ngaphandle xa lifika apha eMthentu esitalatweni,” wongezile uMadikane.

Ecacisa unobangela wokuba kubanzima ukuba lihambe ilindle, uVusumzi Mtirara, 37, uthi imibhobho le ayisakwazi ukumelana nomthwalo welindle ngoba mincinci yona.

“Zange yatshintshwa le mibhobho apha kule ndawo okokoko, yona yile yokuqala. Base batshintsha izitishi zentsimbi bafaka ezi zesamente. Ilindle lifike lime phaya kuba aloneli emibhobheni liphela lithulukela ngaphandle,” utsho uMtirara.

Osebenza ngelindle kule dolophu, uCharles Daka, wenkampani iDaka, uthe ewe imibhobho eyayisetyenziswa kuqala yeyentsimbi kwaye mincinci.

“La nto yapha eNgangelizwe ifuna kutshintshwe imibhobho izotsho yamkele lonke ilindle lezi ndawo ngoba baninzi abantu kakhulu kunakuqala,” utshilo uDaka.