Baxakwe yiNkosi enxilayo abahlali!

KUKHALWA ngeNkosi enxilayo yelali yaseMini eMgababa kwiphondo lakwaZulu Natal nekuvakala ukuba emzini wayo ingena ngokulala kuphela, ngamanye amaxesha ilale kwithaveni leyo.

Le Nkosi kuvakala ukuba kwiithaveni nakwimicimbi yasekuhlaleni kumiwa ngayo ekujayiveni.

Ingxelo iqhuba ithi le Nkosi egama linguPhathisizwe Luthuli iphatha isixa semali esingangeR10 000 kwiithaveni, mali leyo iyile ibhatalwa ngabahlali.

Usapho lweNkosi uLuthuli ludize ukuba bazibona bethotywa isidima nguLuthuli.

UNdoda Hamilton Luthuli, nongubhuti weNkosi, uthe nokuba kulilungelo lakhe ukuba azonwabise ngale ndlela athanda ngayo, kodwa ukubonakala kwayo idanisa kwiithaveni nasemicimbini ngendlela eyenza ngayo, bakubona njengento engamkelekanga.

“Ukubonakala kweNkosi ihlala inxilile kwehlisa isizwe sonke isidima. Sikhathazekile ngalo mkhuba osele unexesha elide uqhubeka,” kutsho uNdoda Luthuli.

Uthe okubuhlungu kukuba le mali iNkosi ithenga ngayo utywala yimali yabahlali abayibhatala xa bethenga iziza.

ULuthuli uthi umba wokuthengiswa kweziza yinto endala. Kodwa ukubonakala kwakhe eyiNkosi ehamba idanisa ezindaweni zentselo nekuhlala kukho ooDJ abangalaliyo kuzo kulihlazo.

“Ubhuti mdala kodwa indlela enza ngayo izinto, ayisiphathi kakuhle,” utshilo uLuthuli.

Ingxelo iqhube yathi iNkosi le ngaphambili bikwajongene nezityholo zokuba ileqa abantwana abangamantombazana abanxibe iibhlukhwe, isithi ayifuni kubabona bezinxibile.

“Oku kuye kwakhokelela ekubeni amadoda aba baleqwe yiNkosi, bazilwele kwiNkosi leyo,” utshilo uLuthuli.

Isolezwe lesiZulu lityelele kwikhaya leNkosi, nalapho lifike iNkosikazi yeNkosi isithi ayikho.

ULuthuli ebe dize ngaphambili ukuba isenokungafumaneki iNkosi ekhayeni layo njengoko inxila ingabuyi.

INkosi ayikhange iwubambe umnxeba kwaye ingakhange iphendule nakwimiyalezo esiyishiyele yona.

Usibonda wendawo uMnu Nala, uthi oku ziinzame nje zokurhuqela igama leeNkosi phantsi ngenxa yobango lobukhosi obuqhubekayo kwisizwe sabo.