Baxhalabe kukuduka kukaMlondolozi

Mlondolozi Solombela

Ayikafumaneki indoda enamashumi amathathu anesine yase-Extension 6 eGcuwa eduke ngeCawe yomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga edlulileyo.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neziphaluka uKapteni Jackson Manatha ithi, le ndoda egama linguMlondolozi Solombela igqityelwe ukubonwa imka kwikhaya layo e-Extension 6 ngezithuba zentsimbi yesithandathu ekuseni.

UManatha uthi, ngethuba egqityelwa ukubonwa bekungethuba ebeyokukhwela iimoto eziya kwisibhedlele saseMadwaleni eXhorha apho asebenza njengomongikazi osengumfundi.

UManatha uthi amapolisa axakekile ekhangela le ndoda ekwabongoza noluntu lubancedise.

Usapho lakwaSolombela luxhelekile sesi sehlo, lusithi lubuhlungu kuba uMlondolozi akaguli ngangqondo akanakusuke aduke nje. UCebo Solombela oli lungu losapho uthe: “Iyasothusa kwaye inzima into yokuduka komntu ochubekileyo kwaye esimaziyo ukuba unenjongo nangobom bakhe.”