Baxhalabe ngekamva lamatyotyombe abo

Abahlali belokishi yaseDuncan Village eMonti emva kokuva iindaba zokuba amatyotyombe abo azakuthi adilizwe yikontraka ezakuthi ilungise imibhobho yamanzi kule lokishi, kuthe kwabaxhalabisa oko.

Abahlali bathi baxhalabile kuba besiva sele kusithiwa ayasuswa amatyotyombe wabo bengayazi lo nto, kwaye bengaxelelwanga nangona nje iye yasombululeka le nyewe isonjululwa nguceba wabo kwaWadi 2 uNtombizandile Mhlola.

Kutshanje, abahlali bebebambe indibano kwakunye noceba wabo ngoLwesine phakathi kula matyotyombe malunga nale nyewe.

Omele abahlali uSivuyile Shiyana, uthi eyona nto ibaxhalabisayo kukuba xa umbhobho uhamba phantsi kwetyotyombe lakho, kwakunyanzeleka ukuba ityotyombe lakho lichithwe.

Uthi ebexhalabisayo kukuba uninzi lwabahlali alunamali kwaye akuzubalula ukuba bakhawuleze bawavuse kwakhona.

Uceba wabo uMhlola, uthi ukuze abahlali bakhale kukuba abantu bekontraka kwakunye nomasipala basuke baqalisa nokusebenza eDuncan Village bengakhange baqale badibane naye okanye ikomiti.

“Maninzi amatyotyombe achaphazelekayo kwaye imali abanayo abantu bale ndawo. Lixhala elo kuba baza kuwavusa njani, ngantoni kwakhona kuba mininzi imibhobho enqumla phantsi kwamatyotyombe. Ekugqibeleni kufuneka esusiwe ikwazi ikontraka ukusebenza ihlaziye le lokishi njengoko indala,” utshilo uMhlola.

UMhlola uthi ubudala bale mibhobho bubangela ungcoliseko kumanzi ale lokishi kwanempilo yoluntu lwale ndawo.