Baxhalabe zizehlo zokutyholwa kwabantu ngentakatho

Indawo yaseNgcobo ibe yeyona ndawo ithe yachongwa ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni ukuba ibambele isemina yokuthi phantsi ngokubulawa kwabantu ngezityholo zentakatho.

Eli phulo liqhutyelwe kwisikolo iNjongozabantu Junior Secondary ukusukela izolo ukuza kuthi ga namhlanje.

Isithethi sorhulumente wephondo leMpuma Koloni uSizwe Kupelo udize ukuba obu bubuchule benxalenye yeenkqubo zikarhulumente ukunqanda kokubulawa kwabantu abadala kuba betyholwa ngokuba bayathakatha.

Uthi, ngokwengxelo iNgcobo yeyona ndawo ebikhe yahamba phambili kwiminyaka edlulileyo ngokubulawa kwabantu abadala ngokungenalusini betyholwa ngokuthakatha.

Kunyaka ophelileyo kuye kwabulawa umakhulu onamashumi asixhenxe anesixhenxe (77) ubudala uNodoli Mzuku, unyana wakhe uMzwamadoda kwakunye nentombi yakhe uNokulunga bahlatywa babhubha kwikhaya labo eNdlunkulu eNgcobo, kukrokrelwa intakatho.

“Kwezinye zezinto abafundiswa ngazo nabaxhotyiswa ngazo abantu balo mmandla kukuba abantu abadala xa beguga bayazenza izinto ezingaqondakaliyo eziye zenze abantu babakrokrele .