ATYHOLWA ngokukhusela omnye wabasebenzi bawo amapolisa aseCumakala. Oku kulandela emva kokuba lo msebenzi ochazwe njengomabhalana emapoliseni ethe watshayisa wonakalisa indlu yosapho lakwaTom, kwilokishi yakwaMlungisi kwakule dolophu. Amapolisa ebebizelwe kule ngozi ngabahlali abakhawuleze bafika emva kwengozi. “Amapolisa afike ambona ukuba ngumntu amaziyo nasebenza naye amkhulula wemka kwindawo yengozi engakhange aqhube vavanyo lokufumana ukuba ebengekho phantsi kweempembelelo zeziyobisi,” utshilo omnye wabahlali.
Kulimele abantwana abathathu abaminyaka elishumi elinanye ebebekulo mzi ngethuba kusenzeka le ngozi. Usapho lakwaTom ebelingekho ngelo xesha lifikele kwingxelo yokuba abantwana babalekiselwe esibhedlele.
“Ndifike ndadlula, ndaya esibhedlele, ukuyokroba abantwana. Xa ndifika phaya ndafika nale ndoda ilaliswe kwalapha esibhedlele,” utshilo uNosive Tom ongumama weli khaya. “Ndiye ndaqaphela ukuba le ndoda inxilile, ndasuka apho ndaya emapoliseni, ndabuza ukuba alenzile na uvavanyo lotywala kule ndoda, umnumzana uMyoli olipolisa elijongene neli tyala uthe, abalenzanga, khange bayicinge ukuba unxilile,” ubalise watsho uTom. Sisiganeko sengozi yesibini esichaphazela amapolisa kule ndawo.
Kunyaka ophelileyo yayisisithuthi samapolisa ngenkqu esangena kumzi wosapho lakwaDumezweni. UNozuko Dumezweni ongumama weli khaya uthi, ukususela ngoJulayi wonyaka ophelileyo ukuzakuthi ga ngoku, amapolisa akakahlawuli ngomonakalo owenzeka kwikhaya labo. “Ndincame ndaya kundlunkulu wamapolisa eMxenge eZwelitsha ebutsheni bale nyanga, kukhona kubengathi sizakufumana uncedo,” utshilo uDumezweni.
Uthi undlunkulu wamapolisa umyalele ukuba azise ixabiso lomonakalo. Ukwathe,”Ndifike kusithiwa amapolisa aseCumakala zange afake nengxelo epheleleyo ngeso siganeko.”
Ukanti uBobby Tom ongumnini womzi otshayiswe ngecawe uthe, “Yingozi yesine eyehlela umzi wam le, ukususela ngo2009, akukho noncedo esilifumanayo, siyazivusela.”
Ukanti imizi esecaleni kowakhe nayo ihlelwe sesifanayo izihlandlo eziliqela.
UTom uthe, abaqhubi bakhala ngelithi kunphuncuka iziqhoboshi xa izithuthi zabo zisehla kule ndlela, kwaye iintsimbi zokukhusela ezafakwa ngumasipala ecaleni komzi wakhe emva kwengozi yokuqala, aziniki ncedo ngokwaneleyo.
Uthe emva kwengozi yesibini wabeka amatye, nathe awamakhulwanga ngokwaneleyo ukuthintela izithuthi.
Ukwathe abahlali abakufutshane naye ebebengamaxhoba ezi zithuthi afuna umasipala weAmahlathi ayivale le ndlela.
“Sinoloyiko lomonakalo ongenzeka xa inokuba sisigadla, sizokungena emzini wethu,” utshilo okaTom.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!