Baxhalabile abasebenzi ngeenguqu ezintsha kwirhafu

ZIXHALABILE iimanyano zabasebenzi ngelithi amalungu azo azakushiya ngobuninzi bawo emisebenzini ngenxa yeenguqu ezenziwe ngurhulumente weli kwirhafu nechaphazela iimali zabo zomhlalaphantsi.

Babalelwa ku85 000 abasebenzi bakarhulumente abathe bashiya kule minyaka mibini idlulileyo. Isebe lezemfundo likunye nelezempilo ngawona abetheke kakhulu ngenxa yabasebenzi abathe bashiya.

Ngokomthetho otyikiwe ngumongameli weli uJacob Zuma, nozakuqala ukusebenza ngomhla wokuqala kaMatshi walo nyaka abasebenzi ababhalisele ipenshele bazakufumana inxalenye yepenshele yabo ngokugcweleyo, ize inxalenye yayo ihlawulwe ngenyanga de ayokubhubha.

Le nkqubo izakuphelisa into yokuba umsebenzi afumane yonke imali yakhe ngokupheleleyo xa ethe washiya okanye ethathe umhlalaphantsi.

Omnye wootitshala ominyaka ingamashumi amane anesithandathu nothe uyayeka ukuze axhamle imali yakhe ngokupheleleyo uthe, “Ndifuna ukuyilawula ngokwam imali yam, ndithatha umhlalaphantsi ukuze ndihlawule amatyala endinawo. Sinabantwana abakumaziko emfundo ephakamileyo, nabangakwaziyo ukuxhamla kwingxowamali karhulumente iNSFAS.”

Ukwathe, “Ukuba urhulumente akasafuni ukuba sixhamle zonke iimfanelo zethu njengoko bekukade kunjalo, ndizowakha njani umzi kuba ngeke ndilunge ukuhlawula irenti ubom bam bonke?” Kwinzame zokuthoba amaxhala kubasebenzi urhulumente uthembise ngelithi bonke abo banamashumi amahlanu anesihlanu ubudala abazukuchatshazelwa sesi sigqibo.

Noxa kunjalo iimanyano zabasebenzi zibike uloyiko lwabasebenzi abazakuthatha umhlalaphanntsi ingekaqali le nguqu kwirhafu. Imanyano yabasebenzi iNEHAWU ithi, “Abasebenzi baxhalabile, asizukwazi ukubanqanda xa begqibe ukuba bashiye,” utshilo uMike Shingange ongusekela mongameli wale manyano.

UMphumzi Maqungo weNUMSA uthe, “Sibhula imililo, abasebenzi bagrogrisa ngokushiya, abasamthembanga urhulumente” ULivhuwani Mamburu wemanyano yabasebenzi mgodini iNUM uthe, uninzi lwabasebenzi abangena emathunjini omhlaba abaphili ngaphezu kweminyaka emihlanu emva kokuthatha umhlalaphantsi, lo mthetho uthetha ukuba abasokuze bawonwabele umhlalaphantsi wabo.

ICOSATU ithembise ngelithi izakuwulwa lo mthetho. Ukanti umhlalutyi wezomthetho uTony Healy uthe, lo mthetho ulungile kumntu wonke, uzakuqinisekisa ukuba wonke ubani unemali egciniweyo nezakunceda ukuba bangabi luxanduva kurhulumente besakuthatha umhlalaphantsi.