Baxhalabile ngokulahleka kukaHlumela!

UHlumela Senti olahleke eDutywa UMFANEKISO: Facebook
AMAPOLISA aseDutywa afunisa ngentwazana eneminyaka elishumi elinesithoba (19) egqityelwe ukubonwa ngaseposini eDutywa ngomhla weshumi elinesine (14) kule nyanga.

 

 

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi uHlumela Senti waseMfezane kuGatyana, wagqityelwa emalanga ngentsimbi yesihlanu, enxibe isikipa esimthubi kwanebhulukhwe enombala ofana nesibhakabhaka enemigca ebomvu nemhlophe.

 

 

Kwiintsuku ezintlanu ezidlulileyo le ntwazana, ezibiza ngokuba nguHlumela Mella Senti kuFacebook, ibhale ukuba ngala mhla yakhwela imoto eya eLubomvini kuGatyana kwaye izibone sele ikwindawo emnyama emva kokufuthaniselwa, kodwa usapho luthi luzamile ukumbhalela bucala kuFacebook ngaphandle kwempumelelo.

 

 

“Kudala simbhalela bucala kuFacebook akaphenduli, kodwa uyabonakala ukuba ukhona (online) kuFacebook. Xa sifowunela inombolo yakhe ayiphumeli,” litshilo ilungu losapho uNolwazi Senti-Combo.

 

 

USenti-Combo uthi uHlumela wayeye eposini edolophini eDutywa eyokukhupha imali yesibonelelo seR350 sabangaphangeliyo ngomhla weshumi elinesithathu kodwa kwanyanzeleka ukuba alale edolophini ngenxa yengxinano yaseposini.

 

 

“Wavuka wayifumana imali ngomhla weshumi elinesine. Abantu abamaziyo bathi bambonile ephethe neeplastiki ngala mhla agqityelwe ngawo, into ethetha ukuba nyhani ebesendleleni eya eMfezane,” utshilo uSenti-Combo.

 

 

Ombonileyo okanye unolwazi ucelwa ukuba atsalele amapolisa aseDutywa ku 047 489 1333.