Baxhamle kwisipho seetawuli zasexesheni abafundi eSouthernwood High

Ilungu lePalamente kuzwelonke uMugwanya Bham utyelele
isikolo samabanga aphezulu eMthatha iSouthernwood High School, nalapho
anikezele ngesipho seetawuli ezisetyenzisa ngamantombazana xa esexesheni.

UBham uthi ukwenza oku ngelokunceda amantombazana
achitha iintsuku eziliqela rhoqo ngenyanga engalubeki esikolweni ngethuba
esexesheni.

Umfundi ngamnye uzuze isixa seetawuli
angasisebenzisa ixesha elingangeenyanga ezintandathu.

 “Sizonceda ukuthintela ukuba abafundi
abangamantombazana bangezi esikolweni xa besexesheni. Sincedisana nomama notata
abangathathintweni emakhaya, sifuna abafundi bakwazi ukubaluleka kwemfundo
bazimisele ukuze babenekamva eliqaqambileyo,” utshilo uBham.

Ukwathe “Bafundi sicela ningaphazamiseki
zizinto ezingendawo, sebenzani nzima ukuze niphumelele. Ngonyaka ka-2019 sifuna
ukubona niphumelela emagqabini.”

Abafundi basetyhini abalikhulu  kwesi sikolo, babambe
ngazibini kweli lungu lepalamente.

Umfundi oxhamleyo uThabisa Phompolo osuka kwikhaya
elingathathi ntweni eZimbane
Valley
uthi oluncedo
luzokwenza umahluko omkhulu kuye nabanye abafundi kwaye ubezidinga kakhulu ezitawuli
ngezinye iinyanga.

Inqununu yesikolo uAyanda Fatman uthe “Sinombulelo
ongazenzisiyo kwilungu lepalamente elithe gqolo ukunceda esisikolo
esinabantwana abangasuka kumakhaya ohlukeneyo. Oku yinkuthazo enkulu kubafundi bethu,
sinomnqweno wokufumana okuninzi nanjengoko sijonge phambili”

Kokwesibini okaBham esiza nezipho kwesisikolo, nanjengoko
ngonyaka ka-2015 wanikezela ngeeyunifom kubafundi abaliqela kwakwesi sikolo.

ISouthernwood High kulindeleke ukuba ibenebanga
leshumi okokuqala ngo-2019. Okwangoku iphela kwibanga lesibhozo.