Baxhatshazwa zizigulane oonogada eCecilia Makiwane

Unogada wenkampani yakwa-Eastern Guard, uBulelani Limba, usinde ngezikasibi ngethuba evingcelwe zizigulane ezigula ngengqondo kwigumbi lazo eCecilia Makiwane.

Ingxelo ithi ingxaki iqale ngethuba esinye sezi zigulana sinyanzelisa ukuba sivunyelwe sigoduke, yena wenza iinzame emva kokuqaphela ukuba izigulana zifuna ukuhamba.

“Bandibethe emva kokuba beqaphele ukuba ndibiza abanye oogxa bam ukuba beze kundincedisa, kuba ndiqaphele ukuba baya besibandlongo-ndlongo, bandibethe bathatha umatshini wonxibelelwano ebendithetha kuwo,” kutsho uLimba.

Uhambisa athi eyona ndoda ibimhlasela ngamandla imbethekise eludongeni ngentloko izihlandlo eziliqela.

“Intloko yam ibuhlungu kuba lo mfo ebesisigantsontso sento eyondlekileyo, undibethekise edongeni ngentloko kaninzi zade zacima izibane, ndaneliduma ulibonayo apha entloko.” Lo kaLimba ukhalela indlela engakhuselekanga abasebenza phantsi kwayo, ekwatyhola abaphathi benkampani iEastern Guard ngokungabaniki mkhondo.

“Sivalelwa nabantu abagula ngengqondo kwindawo evalelekileyo, sibabini kuphela bona bangaphezu kwamashumi amabini, kungoko kulula ukuba basihlasele,” uthethe watsho.

Le ndoda ayiqali kuhlaselwa ngabantu abagula ngengqondo kwesa sibhedlele saseMakiwane.

“Kulo nyaka uphelileyo ndabethwa kwangumntu ogula ngengqondo, ndonzakala imbambo kwelicala lasekunene, ndisaphefumla kabuhlungu nangoku ngenxa yaloo ngozi kwaye akukho nto yakhe yenziwa ngabaqashi nesibhedlele ngokunjalo,” utsho uLimba.

Ekuqaleni kwalo nyaka, usapho lakwaVena eMdantsane, livakalise intlungu yalo ngonyana walo onguThobile Vena owabhubhela kwesa sibhedlele emva kokubethwa ngabantu abagula ngengqondo.

UVena wabethwa wabhubha emva kokutshiswa ngamanzi abilayo ngonyaka ka2002, emva kokonganyelwa zezinye izigulane eCecilia Makiwane.

Ongumlawuli kwesa sibhedlele uGqirha Mthandeki Xhamlashe, wathembisa olwa sapho ukuba uzakwenza uphando ngengxaki kaVena.

Abasebenzi benkampani iEastern Guard bayakhala ngendlela abaphethwe ngayo engakhuselekanga sisibhedlele kuquka nenkampani abayiphangelelayo.

Nangona bengavumanga namagama abo, bathi ininzi into abangayilandeliyo ngendlela abaqeshwe ngayo.

“Asizazi nokuba siqeshwe nguEastern Guard okanye nguXhobani na kuba kukho ukuphixana kwezinto okuninzi, kuthwa iEastern Guard yanikela ngathi kwiXhobani, asiyazi into eqhubekayo,” utshilo umsebenzi.

Ukanti uLimba uthi uziva enovalo nangona sele ephinde waqala emsebenzini esatyiwa zintlungu enjalo.

Encokolela I’solezwe ngesi siganeko, uGqirha Xhamlashe, uthi nabo baxhalabile ngenxa yokonyuka kwezi ziganeko kwesa sibhedlele.

“Sisexhaleni nathi sisisibhedlele, into entsha ngoku kukuba aba ngabantu abangena apha ngenxa yokusebenzisa iziyobisi, thina siyathomalalisa nje asinyangi ngokupheleleyo,” uthethe watsho.

Uthi iinkampani zokhuselo baziqasha phantsi komqathango othile.