Baxhotyiswe ngexabiso lobuntombi abafundi besikolo iWongalethu

Imvumi yeGospel uSibusisiwe "Sibu" Mbuku noNolubabalo Nkanjeni, bekunye nabafundi baseWongalethu High School, ngethuba esi sibini sityelele ngeliyo khuthaza abafundi besi sikolo.

IBILUCHULUMANCO
kwisikolo iWongalethu High eseNU 2 eMdantsane emva kotyelelo lo mbutho wabucala
i-Impact ngeliyokukhuthaza abafundi abangamantombazana. Malunga namakhulu abane
wabafundi abangamantombazana kwesi sikholo axhamle kwizipho zeetawuli
zokuzikhusela xa umntu esexesheni. 

Ukanti umsunguli we-Impact uNolubabalo Nkanjeni
ebephelekwe yimvumi eyaziwayo yomculo wokholo uSibusisiwe Mbuku basebenzise eli
thuba banika amazwi enkuthazo kwaba bafundi. UMbuku owaziwa kakhulu
ungelikaSibu wayekwi sihlanu sokugqibela kukhuphiswano lomculo wokholo u”I want
to sing Gospel” ngo-2014. Esi sibini sabelene ngeqonga sikhuthaza abafundi
ukuba bangavumeli imeko yabo yangoku ibe ngumqobo kwingomso labo. 

UNkanjeni
uthe, “Umnqweno wam kukukhuthaza amantombazana ukuba azazi ukuba ungubani,
nokwazi ngendima eldlwa nguYesu Krestu ezimpilweni zethu.” Ukwathe injongo
yakhe kukuphila ilizwi likaKrestu ngokubonakalayo ngokuthi enze umehluko. 

USibu
ukhuthaze aba bafundi ngokubaluleka kokusebenzisa isiphiwo onaso, uzakhele
ikamva. Ubalule umculo njengento anesiphiwo kuyo esithi nabani na angayilo nto
afuna ukuba yiyo, xa esebenzisa isiphiwo anaso ngokufanelekileyo. 

USibu ukwathe,
“Abantu abatsha bayasidinga kakhulu, ukubakhuthaza nokubaxhasa, sakhane,
sibonisane neendlela zokuzixabisa.” Ukwathe, “Awudingi mali ukuze ukwazi ukukhuthaza
abantu, okubalulekileyo kukuba ube ngumntu onombono.”

Utitshalakazi wesi
sikolo uLungiswa Nkosinkulu-Maweni uthe, “Kube yinkuthazo enkulu ukufika
kukaNolubabalo, ephelekwa nguSibusisiwe, itawuli zabasetyhini zizakuba luncedo
kakhulu, kwaye siyawabulela namazwi abo enkuthazo.” UNkosinkulu-Maweni ungutitshalakazi odlala indima enkulu kubomi babafundi abangamantombazana, njegoko ejongene nezimidlalo, ekwafundisa iNatural Science, iMaths, kwaneMaths Literacy.

Ukwathe izikolo ezifana
neWongalethu zine ngxaki yabafundi abakhulelweyo, nabangabazali. “Ngelinye
ixesha ucela umntwana aze nomzali wakhe, ufumanise ukuba ukanamzali, indima
yomzali ikwasesandleni sakhe.” 

UNkanjeni uwusungule lo mbutho kwinyanga
yeThupha, kwaye kwezi nyanga zintathu uzibalasele ngokunika iingcebiso
kubafundi bebanga le shumi, ngokunika amazwi enkuthazo azikolweni.

Ube nesandla
kumnyhadala wokwamekela intasa-hlobo iPeelton Spring Festival, kwaye inkxaso
ngeetawuli zokuzikhusela zabasetyhini zaxa usexesheni uyifumene kumalungu
osapho, abahlobo, namalungu athile kwibandla ayinxalenye yalo.