Bayabanjwa oonoteksi eMthatha

Ezinye zezixhobo ezoxuthwe koonoteksi eMthatha

Limiselwe usuku lwangomso ityala lwabaqhubi beeteksi abalishumi elinesixhenxe ababanjwe ngempelaveki kwindlela R61 cebukuhle ngakudederhu lweevenkile iCircus Triangle eMthatha ngezityholo zokufunyanwa nezixhobo ezinobungozi eziquka imipu emibini, iimbumbulu, oobhutshu, ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa kunye nokonakalisa impahla. 

Abarhanelwa bavele enkundleni yamatyala eNgqeleni izolo. Ngomso kulindeleke abanoteksi bafake isicelo sebheyile ngokusesikweni. Okwangoku akucaci ngamalungu owuphi umbutho.

Ukubanjwa kwabanoteksi kungqamene nodlame oluqhubekayo kususela ebutsheni balo nyaka kummandla waseMthatha phakathi kwemibutho engavaniyo uBorder Alliance noNcedo service. Bebonke abantu asele beswelekile kulo mlo kulo nyaka kuphela balinganiselwa kumashumi amabini ananye (21) kuquka nabakhweli logama abanye beshiyeka bezingxwelerha. 

Ekuzeni kokuphela kweveki ephelileyo le mibutho engaboni ngasonye ibibambe intlanganiso kwisakhiwo Botha Sigcawu eMthatha ngenjongo zokukhangela ichiza kule ngxaki kodwa iziphumo azikavakali.

Ezona ndlela ziyingxaki yindlela N2 ngaseSibangweni kunye nendlela esingisa eSajonisi uR61. Amapolisa aphehlelela iphulo lokulwa lo mlo elibizwa operation Vulindlela nobonakala usebenza ukubamba abophuli mthetho. Usodolophu womasipala iKing Sabata Dalindyebo uDumani Zozo umemelele le mibutho ilwayo ukuba ihlale phantsi ixoxe ngeenjongo zokufumana isisombululo esikhawulezileyo. “Xa le mibutho isohluleka ukusombulula le mpalalo-gazi kuzonyanzeleka singenele singumasipala kuba le mibutho isebenza emhlabeni wethu. Asinakuthula sibukele abantu bakowethu bephiliswa ubomi bentshontsho. Kutsho uZozo. 

Kwindibano nabahlali eViedgesville eBityi eMthatha ngoLwesihlanu, uMphathiswa wesebe loKhuseleko loLuntu ephondweni uWeziwe Tikana umemelele intsebenziswano phakathi kwabahlali namapolisa ukulwa ulwaphulo mthetho.