Bayabila ngumsindo abahlali baseLinge

Ibingumbo nomxesibe abahlali baseLinge kuKomani kwindawana ebizwa ngokuba yi-Cookhouse bedikwe yeyokosa besithi abafuni kwandlu engahlali mntu emva kokubulawa kuka-Abongile Mbhebe ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeKhala.

Lo kaMbhebe wafunyanwa eswelekile kwenye yezi zindlu. Kuyavakala ukuba kukho nepolisa elabanjwa inkunzi laxuthwa umpu kwezi zindlu.

Baphume ngobunjalo ke abahlali baya kwisikhululo samapolisa, mapolisa lawo aye abathumela kuCeba, baphume besadula yiToyitoyi becula ingoma ethi ‘Asiphelelanga, hayi hayi, kushota * -Abongile!’ ingumngcelele ukuya kwiholo yoluntu.

Kwintlanganiso noCeba kaWadi 1 nokaWadi 2 nekomiti yabo bafake isicelo sokudiliza izindlu. Ethetha nale nginginya uCeba kaWadi 1, uBooi Thole, uthe le yenziwa ngabahlali abayingeni kuba kukho abantu abangena zindlu zokuhlala, eza zindlu mazinikwe abantu okokuba zifuna ukulungiswa umntu makazilungiselele aze abhale phantsi imali ayichithileyo.

Abahlali baphume bebila kulo holo ngumsindo kukungoneliseki yimpendulo abayinikwe ziziphatha-mandla zale ndawo, bayokungena intlanganiso yabo ebanjelwa phantsi komthi baphuma nesigqibo sokuba mabaqhubeke nokudiliza izindlu.

Ufikile umnikazi wendlu, uNoyokho Poni, wazama ukuqonda ngendlu kodwa ngelishwa akamameleka, kuthe kusadilizwa indlu leyo kwakho amakhwenkwana adilikelwe yile ndlu ngaphakathi, wavakala esithi umnikazi-ndlu “hayi ke uthixo uyandiphendulela” kanti unyathele inyoka emsileni, njengoko eye wagityiselwa ngezithuko ngabahlali kusithiwa uligqwirha angathini ukuvuya xa abantwana bedilikelwa yindlu, ufuna zibengaphi uzidumbu eziphumela kule ndlu.

UNoyokho Poni ongumnikazi wendlu edilizwayo uthe, “Mna ndifika kudilizwa indlu yam ngaphandle kwemvume yam, ndimoshe ngokubuza bandindlandlathekisa abahlali besithi bayakunditshisa nale ndlu yam.

Kubuhlungu kum kuba le ndlu ndayicela kurhulumente kuba ndibona ukuba xa kubuye wonke umntu wasekhaya sihamba sicela iindawo zokulala, ngoku ndiva kabuhlungu kakhulu ndicela nizame ndiphume nokuba kukumabonakude ndibonwe lilizwe ndisilwela ikhaya labantwana bam,” utshilo ebonakala ukuba wonzakele emphefumlweni.

Intoni na! Abahlali baphume kulo ndlu banda ngengaphambili bekwathi kufuneka kuthi kufika ixesha lokurholwa kwe nkam-nkam kube kungekho kwandlu engahlali bantu, bekwahlaba ikhwelo kubantu abanezindlu ezivaliweyo batsho besithi abaxoxi nenye kwezixoxisayo.

UNobesuthu Mantsongo ongomnye wabadilizi uvakale esithi, “Andithandi into yezi zindlu zifana nale ngoba abantwana bethu badlala kwezi zindlu baza kufumana ukudlwengulwa babulawe kuzo, umkhangele umncame umntwana wakho kanti ufihlwe kuzo, mna ndiyasivuyela isigqibo esithathwe sithi bahlali kwaye siza kuzidiliza zonke ezingenabantu, namhlanje siza kuqala ngezi zimbini zimeleneyo.”