Bayadinga kumazwe angaphandle!

Bangaphezu kwamawaka amabini abemi beli loMzantsi Afrika abavaleleke kumazwe angaphandle ngenxa yesifo seKhorona.

Isebe elijongene nobudlelwane namazwe angaphandle kweli limanxadanxada lizama ukubuyisela eli qela eMzantsi Afrika.

Ekupheleni kweveki ephelileyo ngabantu abalishumi elinesithandathu beli abathe bancedwa ngurhulumente ukubuyela ekhaya eMzantsi Afrika besuka eDubai.

Othethela isebe elijongene nobudlelwane namazwe angaphandle uLunga Ngqengelele uthi benze oku emva kokufumana umyalelo.

“Basebebaninzi abemi beli abakumazwe angaphandle. Eli iqela libuyiselwe ekhaya emva komyalelo kaMongameli uCyril Ramaphosa. Sithethana nemizi yozakuzo yoMzantsi Afrika imihla ngemihla,” kutsho uNgqengelele.

Le ngxelo ithi ngamawaka amabini namakhulu amathathu abantu beli abavaleleke kumazwe angaphandle ngenxa yokuba ubomi bumile kuloo mazwe abakuwo.

“Amakhulu asixhenxe namashumi amathathu ngabafundi, amakhulu amathandathu ngabasebenzi, amakhulu amane namashumi alithoba ngabatyeleli, ukanti abanye abakazichazi ukuba bebehambe besiya kwenzani kula mazwe,” kucacisa uNgqengelele.

Kukho iingxelo zokuba kukho ishumi elinesithandathu elivaleleke eJamani nebekulindeleke ukuba ligalele kweli ekuqaleni kwale veki.

“Ngokomyalelo kaMphathiswa uNaledi Pandor sigxile ngokukodwa kwabo badinga indlela yokuhamba kwizikhululo zeenqwelomoya, abafundi abakhutshelwe ngaphandle kweendawo zokuhlala ziiyunivesithi zehlabathi, kwakunye nabantu abadala nabo bangaphilanga,” kutsho uNgqengelele.

Le ngxelo ithi urhulumente uzimisele ukubanceda nangaluphi uhlobo abemi beli abavaleleke kumazwe angaphandle ukuze babuyele ekhaya eMzantsi Afrika.

Kukwakho iingxelo zokuba kukho isibini seli esele sikhulile esivaleleke kwilizwe laseMorocco, nesikuluhlu lwabo baza kuncedwa.

Ukunikezela ngolwazi okanye ukufumana ulwazi ngesifo seKhorona, uluntu lungatsalela inombolo yasimahla engu 0800 029 999, okanye umyalezo othi ‘Hi’ kwinombolo kaWhatsApp ethi 0600 123 456.

URamaphosa ukuthethwano noMongameli waseRussia uVladimir Putin ekhangela uncedo kwela lizwe.

“Ilizwe laseRussia sele lincede ilizwe laseChina, Italy neUS kumacebo okulwa neKhorona, ndimbhalele uMongameli Putin,” kucacisa uRamaphosa.