Bayagula kwisikolo saseMcheni!

Abafundi besikolo iMcheni S.P.S kuTsolo

Isikolo samabanga aphantsi iMcheni kwilali yakuJengce kuTsolo sikwimeko engaginyisi mathe.

Esi sikolo sineminyaka engama25 sasekwayo. Kuzindonga yonke indawo kuqhuma uthuli nto leyo abazali babantwana abafunda kwesi sikolo abathi abantwana babo bagula sisifo sofuba ngenxa yale meko kwaye babuya bemdaka yonke imihla.

Akuphelelanga kubafundi kuphela, nootitshala bathi neyabo impilo iyachaphazeleka nanjengoko kukho ititshala esandula ukuphuma esibhedlele ngenxa yokuhlaselwa yingqele, kwaye ngexesha sindwendwele esi sikolo bekukhona notitshalakazi ohamba ngeentonga nekuthiwa wophuka emva kokuwa kumabala esi sikolo.

Ukanti eyona nto bakhala ngayo ikakhulu abahlali, abafundi kwanootitshala besi sikolo ngamagumbi okufundela angekhoyo.

Kuvakala ukuba ngonyaka ka2013 kwafika ikontilaka yokwakha neyahlawulwa iR17 million. Le nkampani yasakha esi sikolo, kodwa abazange bawonwabele la magumbi ngokuba aqalisa ukubonakalisa iintanda noqhekeko, kwaze kwanyanzeleka ukuba angasetyenziswa, baqhubeke nokusebenzisa amatyotyombe wamazinki, awathi emka nesichotho amanye awo.

Ukanti oyinqununu, uMnu Hlanganani Mazwi, uthi basalinde kwiSebe lezeMfundo nanjengoko lisathe lilinde impendulo esuka kwi-Independent Development Trust malunga namaxesha kunye nenkqubelaphambili.

Othethela iSebe lezeMfundo kwiMpuma Koloni, uMali Mtima, uthi lo mcimbi sele kukufuphi usombululeke kuba sele sikhona isisombululo semeko ebimisa ulwakhiwo kwesi sikolo kwaye ikontilaka ekulungeleyo ukwenza umsebenzi iza kubonakala kungekudala kwesa sikolo.