Bayakhala abafundi baseNMU, baphila ubomi bentshontsho

Umrhanelwa kwigumbi leekhomyutha Umfanekiso: kumnatha

Umbutho wabafundi iDemocratic Alliance Students Organisation (DASO) kwiYunivesithi iNelson Mandela (NMU) eBhayi uthi uzakubamba umlaliso ubusuku bonke namhlanje malunga nentsimbi yesibhozo ngeenjongo zokudlulisa uxwebhu oluqulathe amabango abafundi malunga nokhuseleko lwabo kweli ziko-mfundo.

Phezolo kuhlatywe intombozana kwaza kwadlwengulwa enye yindoda engaziwayo nengene kule ndawo ngondlela mnyama ngethuba la mantombozana, omabini, ebekwigumbi leekhompuytha kwikhampasi ebizwa ngokuba yiSouth kule yunivesithi. Akubanjwanga mntu ngesisiganeko kodwa amapolisa athi asaphanda. 

uZandile Mbabela osisithethi sale yunivesithi ungqinile ukuba senzekile esi siganeko.

Ukanti isithethi seDASA, uKwanda Jakalase, wongeze ngelithi: “iikhampasi zethu zifanele ukuba yindawo ekhuselekileyo yokuhlala nokufundela kuba sikude namakhaya, abafundi bethu bafanele ukuba bakwazi ukuzonwaya ngaphandle koloyiko!”

Uthe lifikile ixesha lokuba abaphathi baseNMU nesipolisa (SAPS) bayinike ingqwalasela emandla indaba yobundlavini obuqhubeka kwikhampasi yabo esithi kudala abafundi bale ndawo behleli ubomi bentshontsho.

UJakalase uthe ngethuba lasemini namhlanje bebevalelene nabaphathi nabanye aba bandakanyekayo kuquka nengqonyela uDerrick Swartz, amapolisa esizwe nakamasipala. 
  
“Simema wonke umntu ochaphazelekayo nongachaphazelekiyo ukuba simanyane sonke kulo mmlindo wangokuhlwa eSouth Campus ngentsimbi yesibhozo apho sizakunikezela khona ixwebhu elishushu kubaphathi nakwaba bandakanyekayo. Asidlali ke kuba sifuna iimpendulo nokuba basixelele indlela abaza kuzijul’ ijacu ngayo kulo mlo!” kutsho uJakalase.

Phakathi kwezinto abazibalulayo kolu xwebhu yikhamera ye-CCTV nothango oluluqilima nokulungiswa kwezibane kwanezifundo zokuziwelwa.