‘Bayakhala, babulawa ngomsebenzi eMakiwane!’

Umfanekiso webhodi yeCecilia Makiwane entshaUmfanekiso: Isolezwe

Nangona bekulindeleke ukuba bavuyiswe ziinguqu ezizayo zokungena kwisakhiwo esitsha seCecilia Makiwane abonwabanga abasebenzi.

Ingxelo yabasebenzi ithi eyona ngxaki iphambili kukunqongophala kwabasebenzi, lo nto yenza ukuba benze imisebenzi yabantu abaninzi.

Othethe egameni labasebenzi uMthetheli Ngciva uthi bazakuxhatshazwa ngokunikwa umsebenzi omninzi kwesisakhiwo sizayo.

“Sibambalwa ngoku, xa sisiya kwesi sakhiwo sitsha sizakudinga abasebenzi kuba yonke into inkulu kwesa sakhiwo ngoko sithi makuqeshwe abantu aboneleyo singaxhatshazwa ngomsebenzi,” ucacise watsho uNgciva.

Uthi kukho izithuba zomsebenzi ezisibhozo kwaye abade babone mntu uqeshwayo kwezo zithuba, logama ezangaphambili izithuba babone sele kukho abantu abaqeshiweyo bengakhange baziswe.

“Ekhitshini sibonele sele kuqeshwe umntu emva kokuba bekwenziwe uvavanyo, umntu obephumelele kuvavanyo engakhange aqeshwe, siyacela buphele obu buqhophololo kwesi sibhedlele. Sizakubulawa ngomsebenzi kodwa izithuba zikhona zokuba kuqeshwe ngendlela eyiyo,” utshilo uNgciva.

Le ngxelo ithi isibhedlele esitsha kumele ukuba samnkela abantu abakwiwaka abalalayo kodwa akuzukuba njalo.

“Ngoku sixelelwa ukuba kuzakulala abantu abakumakhulu amahlanu kuphela ngenxa yokuba akukho mali, lo nto ithetha ukuba kuzakubakho abantu abazakuphelelwa okanye abazakuba nomsebenzi omninzi, makusetyenzwe ngendlela ecacileyo apha singaqhathwa,” ukhalaze watsho uNgciva.

Esi sibhedlele siqale ukwakhiwa ngokutsha ukusukela ngonyaka ka-2007 ngenjongo zokusenza ukuba sibe yindawo yokwamnkela izigulane eziphuma ngaphandle kweMonti. Ethetha ngalo msebenzi kunyaka ophelileyo ophethe eliziko ugqirha uMthandeki Xhamlashe wathetha wathi.

“Eli iziko lizakubuyisa isidima sezigulane zethu ngaphandle kwamathandabuzo logama sizakuba sidala imisebenzi emitsha kwabanezakhono ezifanelekileyo,” watsho uXhamlashe.

Esi sibhedlele sathiywa ngegama lomnye woomongikazi bokuqala abamnyama nowazalelwa eDikeni ngonyaka ka-1880, uCecilia Makiwane.

Esi sibhedlele sesinye sezo urhulumente kazwelonke awathi wathatha isigqibo sokuba zivuselelwe ngokutsha ukuze ziqhubeke ukunceda uluntu.

Iziko labantwana elisemgangathweni nelixhotyiswe ngobuxhakaxhaka bale mihla, indawo yokuchopha inqwelo ntaka zezinye zeendlela esiphuculwe ngaso esi sibhedlele.

ICecilia Makiwane yanikwa imali ekumakhulu alithoba namashumi amathathu anesihlanu ezigidi zerandi (R935 M) ukwenza lo msebenzi, logama isibhedlele saseFrere sona safumana imali ekwikhulu namashumi amathandathu ezigidi zerandi (R160 M).

Ethetha ngesi sikhalazo uXhamlashe uthi bathobela umthetho kuyo yonke into abayenzayo.

“Ukuba singaqashi umzala wakho akuthethi ukuba asiqeshi ngendlela eyiyo, silandela umthetho karhulumente kwindlela esiqesha ngayo ngoku sinezithuba ezikumakhulu amahlanu zabongikazi ngenjongo zokunyusa inani labantu abazakusebenza kwesi sibhedlele,”utshilo uXhamlashe.

Uhambisa athi iqalile inkqubo yokungena kwesi sibhedlele sitsha.

“Singena ngamanqanaba ahlukeneyo, abantu abacocayo sele beqalile ukufundiswa indlela elimi ngayo eli ziko litsha, ngoku sizakufaka aba bazakwamnkela abantu abafikayo, inqanaba lokugqibela lelo lokungena kwezigulane,” uthethe watsho uXhamlashe.