Bayakhuthuzwa abakhwetha eTinarha

Usolophu waseBhayi uAthol Trollip utyelele abakhwetha UMFANEKISO: UTHUNYELWE

“Ukukuthuzwa kwabakhwetha namakhankatha izinto ezinjengemali nokutya ziingxaki ezithe zaqava kwingingqi yaseTinarha.” Le yintetho yesithethi sikamasipala waseNelson Mandela Bay uMthubanzi Mniki emva kotyelelo legqiza likamasipala waseNelson Mandela Bay kwindawo zokwalusa.

Ukubhubha komkhwetha eTinarha kubangele umothuko omkhulu kumagosa kamasipala nanjengoko zingaqhelekanga iziganeko ezinje kula masipala.

UMniki uthi ngenxa yenkxalabo amagosa kamasipala athe bazalala ukuzama ukunqanda ukunaba kwale ntlekele.

“Usekela Sodolophu uMongameli Bobani kunye noSodolophu uAthol Trollip batyelele iindawo zokwalusa eNelson Mandela Bay ngokubanzi, ngoku kodwa kwingingqi yaseTinarha naseMotherwell,” ucacise watsho uMniki.

Ngethuba sibhala bebelishumi elinesixhenxe abakhwetha esele bebhubhile eMpuma Koloni ukusukela oko kuqale ixesha lokwalusa lasehlotyeni.

Oku kuthetha ukuba kubhubha umkhwetha abemnye ngosuku ukusukela oko kuqale inyanga yoMnga.

Isithethi sesebe lezeMpilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi baninzi abakhwethwa asele behlangulwe kwiindawo zokwalusa ezingekho mthethweni.

“EMthatha kuphela ngabakhwetha abangamashumi amabini ananye abathe bangeniswa kwizibhedlele ezahlukileyo emva kokuba sibahlangule kwindawo zokwalusa ezingekho mthethweni,” utshilo uKupelo.

Umasipala wesithi saseChris Hani usahamba phambili ngamanani wabakhwetha ababhubhele esuthwini, ulandelwe yi-OR Tambo neAlfred Nzo ngokulandelelana kwabo.

Kwintetho ayenze ngale ngxubakaxaka umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento, nemicimbi yemveli uFikile Xasa utyhole ibume bezulu njengonobangela.

“Kuyothusa ukuboba iChris Hani ihamba phambili ngamanani wabakhwetha ababhubhela eSuthwini, nangona singaqinisekisanga kodwa amaqondo obushushu aphezulu anganginobangela wale ngxaki,” utshilo okaXasa.

UXasa uthi uxhalabile yile mbubhane.

Kunyaka ophelileyo ibe ngabakhwetha abangamashumi amane anesihlanu abathe babhubha. Urhulumente wephondo uqeshe iimoto zokuhlola iindawo zabakhwetha ngemali esondeleyo kumashumi amabini ezigidi zeerandi.