Bayakuhlala kwiingcinga zethu unaphakade!

Kule veki kukhunjulwa kukwabhiyozelwa iminyaka engamashumi amathathu awathi uMongameli wokuqala weli loMzantsi Afrika uRolihlahla Nelson Mandela wathi wakhululwa entolongweni ngumbuso wamabhulu emva kokuthothoza iminyaka engamashumi amabini anesixhenxe nalapho wayengagungqi kwizifungo zakhe.

Le mini ibhoyozelwayo iye ithande ukungciba iintanda phakathi kwintlanga zonke xa zikhumbula ubunzima eli lizwe eliphuma kubo. URolihlahla waphuma entolongweni egcwele luncumo, intiyo nengqumbo engenayo kwaphela.

Uninzi lwabantu lwaluqala ukumbona ngeliso lenyama kodwa lwazaliswa ithemba lakumva enikela intetha yokuqala eGrand Parade kumbindi wesixeko saseKapa.

Evula umlomo kusaqalwa amazwi akhe agqalwa njengalawo enza imbali kwihlabathi liphela, siyamcaphula: “Ndimi phambi kwenu hayi njengomprofeti kodwa njengesicaka esithobekileyo senu, nina bantu”.

Lawo ngamazwi kanye akhunjulwa sisininzi, kwaye uRolihlahla wenze njalo kanye ngethuba esidla amazimba ekwalwela izwe lakowethu. Inkosi ngokuzalwa, Aah Dalibhunga, okaMandela uvelele umntu wonke weloMzantsi Afrika namanye amazwe ekhuthaza umanyano noxolelwaniso.

Oku kubonakele kwiziphumo zeenzame zothethathethwano norhulumente wengcinezelo kude kuze kuzalwa urhulumente womanyano nedemokrasi ngowe1994.

Ngeli thuba kanye, uMzantsi Afrika udinga enye inkokheli enokuzisa ithuba elifana nelo likaMandela kodwa ize yona ithi gqolo ekutshabalaliseni ubuhlwempu ize ilungise eli lizwe. Sililizwe elinezinga eliphakama umhla nezolo iqondo lalo lentlupheko, ukungalingani, elintswelomsebenzi eyandayo kwaye sidinga imisebenzi ngokukhawuleza ukuze silungise le meko.

Amanani obalo aphuma kwaStats South Africa abonise ukuba intswelomsebenzi ikwelona qondo lakhe laphezulu ezimbalini zezwe lethu, ithe tyishi ngaphaya kwe29%.

Ngeli thuba isizwe sijongene neengxaki ezinkulu kumele senze umthandazo onzulu othi sifuna ofana noMandela ongathi asikhulule asiwelise kuyo le mfazwe inxamnye nendlala nazo zonke iziphene ezithe mbende izwe lethu.

Omnye wabemi boMzantsi Afrika odlale indima enkulu esibeka kumaqonga ehlabathi uJoseph Mshengu Shabalala uye wasutywa kukufa kule veki. Silila nosapho nezalamane zakhe sisithi tutwini.

Eli gqala lemvumi likhokele iLadysmith Black Mambazo eyathi yabeka umculo wesicathamiya emanqwanqweni. Eli qela lomculo laziwa ngokudumisa olu hlobo lomculo.

UShabalala usebenzise italente yakhe ukubeka uMzantsi Afrika emephini yehlabathi. Amancoko athi umculo udibanisa izizwe. Ngokuthi kunjalo umculo kaShabalala umanyanise izizwe ngezizwe. Unkenteza kwiindlebe zeentlanga zonke. Zinkokheli ezifana nezi ezithi zishiye isizukulwana esiza emva kwazo neenkumbulo eziqaqambileyo. UMandela noShabalala basishiye nelifa elinzulu kangangokuba izizukulwana ezizayo ziya kuxhamla ukuze zizuze ikamva elilo. Amandla!