Bayalelwe kwakhona ibheyile ababulala uJombile!

 

Abarhanelwa abahlanu bakuQumbu abajongene netyala lokuxhwila nokubulala uNosipho Sidabuka-Jombile (51), kubo nekuquka owayesakuba ngumyeni kaJombile, abayinikwanga ibheyile yinkundla ngethuba bevela ngoLwesithathu kule veki.

USidabuka-Jombile waxhwilwa ngamadoda amabini ehamba nonyana wakhe (22) owasindayo.

Oku kwenzeka ngeyeSilimela kulo nyaka kwibhulorho iTsitsa ngakuhola wendlela uN2.

Emva kosuku exhwiliwe kwaye engaziwa nalapho akhoyo, uJombile wabhaqwa sele ebhubhile kwihlathi laseZiphunzana, ebhaqwa ngabantwana ababeqokelela imfuyo.

Aba barhanelwa nguDanisile Botyumpha (55), Lindiwe Komanisi Jombile (40), Sibongile Komanisi (42) , Paul Adkins (28) kuquka nowayengumyeni wexhoba uPhindile Jombile (52), baza kuphinda bavele kwakhona ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ezayo kwaye basengaphakathi eziseleni.

Ingxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa ePohondo uCaptain Khaya Tonjeni uthi abarhanelwa oko babengaphakathi abakakhululwa.