Bayaphela abasebenzi bakamasipala eBhayi

Bayaphela abasebenzi bakamasipala abasebenza ezilokishini; izigwinta zibaphumele iphulo.

Kule mpelaveki siyishiyayo ezi zigila-mkhuba zihlasele ngolunya zaphalaza igazi labasebenzi bakamasipala iNelson Mandela ngethuba beyokulungisa umbhobho welindle obuzele, uphuphuma, kwilokishi yaseZwide.

Kule ntlekele kuvakala ukuba aba basebenzi bane bebekhwele itrakhi kamasipala nalapho kugaleleke ooguluva bexhobe befohlele ngemikhono yeekati, bayikhomba kubo esiqwini emva koko bathathelwa yonke into yabo neminxeba yabo.

Osisithethi sikasodolophu walo masipala, uGeorge Geleba, uthe abanelanga nje ukudlakazelisa aba basebenzi; bathathe izinto zabo, koko baqokelele zonke izixhobo zikamasipala ebezilapho bemka nazo.

UGeleba uhambise wathi kungoku nje enye yaloo madoda ingxwelerhekile, ileli ngandletyana-nye esibhedlele.

“Ayiqali ukwenzeka le nto kwaye ukuhlaselwa konzakaliswe abasebenzi bethu kuba neziphumo ezibi ezibangela ukuba iinkonzo zikarhulumente zingayi kubahlali. Sicela abahlali bakhusele abasebenzi bethu, basebenze kakuhle xa besezilokishini,” kutsho usodolophu walo masipala, uMongameli Bobani.

Uthe ingxaki kukuba imibhobho yelindle iyagqubhaku kuvuze amanzi, iindlela nezinye izinto zifuna ukulungiswa nazo ngoko ke watsho esithi abahlali mabancedisane nomasipala nabomthetho kubanjwe zonke ezi zikrom-krom ziyokugalelwa kwezimnyama izisele.