Bayaphika abafundi ababhaqwe besela!

Iqumrhu lebhodi ejongene notywala kweli Phondo (ECLB), isikhalimele kabukhali isenzo esibi sabafundi abahlanu ababhaqwe bezintyintya ngotywala ngexesha lesikolo babe benxibe iyunifomu.

Oku kuza emva kokuba kubonwe ividiyo ebindanda kumakhasi onxibelelwano ephazamisayo apho abafundi bebezintyintya ngotywala.

Aba bafundi ngabesikolo iWongalethu High eseMdantsane. Abafundi babhaqwe liqonga laseHighway eMdantsane ngoLwesine kwiveki ephelileyo.

Isithethi sakwaECLB uMgwebi Msiya, encokola neli phephandaba, udize ukuba batyelele kwesi sikolo ngoLwesibini ukuyokuphanda kubafundi kwanokuqonda ukuba isikolo esi ingaba sinalo na ulwazi ngale nyewe.

Uthi abafundi baphikile ukuba ibikokwabo utywala, bathi banyanzelwe liqonga ukuba bakubeke phambi kwabo ngenkani kwaye bakwadiza ukuba ibingengabo bodwa, bekukho nezinye izikolo ezingqongileyo. UMsiya uthi abantwana bayalelwe sisikolo ukuba beze nabazali babo esikolweni kwindibano.

UMsiya uthi umkhondo wetyotyombe ebelithengisele abantwana utywala baye bawufumana nabafike liqhagamshelwe ngeqhaga.

“Sifike kuqhagamshelwe ngeqhaga ngethuba sifika namapolisa kweli tyotyombe emini izolo. Kwaye namanye asondeleyo kweli nesihletyelwe ukuba nawo athengisa utywala, sifike enamakhoba otywala bungekho bona, kubonakala ukuba bufihliwe kwaye bavile.”

“Abahlali bona babe besitsho ukuba utywala buyathengiswa kula matyotyombe nangona ke singafumenanga nto. Siza kuphindela kwakhona kweli lithengisele abafundi utywala kuba ingalo yomthetho kufuneka idlale indima yayo,” utshilo uMsiya.

Aba bafundi bajongene nezi zityholo bahlanu ngamakhwenkwe kwakunye namantombazana.