Bayaqhankqalaza ooGqirha eIndiya

Abafundi bezonyango eAhmedabad, entshona yeIndiya, ngexesha beqhankqalazela ukudlwengulwa nokubulawa kukaGqirha oqeqeshwayo kwisibhedlele sikarhulumente eKolkata kwiveki ephelileyo. UMFANEKISO: © Ajit Solanki, AP

Ukuqhankqalaza kwabasebenzi abafana nooGqirha kuya kuqheleka kwihlabathi ngenxa yeemeko ezingazinzanga zokhuseleko neemeko abasebenza phantsi kwazo.

OoGqirha baseIndiya bangene ezitalatweni beqhankqalazela imeko engekho ntle yokhuseleko lwabo kwizibhedlele zela lizwe.

Oku kulandela isiganeko sokudlwengulwa kubulawe omnye uGqirha emva kokuba aba Gqirha bevakalise inkxalabo yabo ngokhuseleko ezibhedlele. Umzimba wexhoba ufunyenwe udada kwichibi legazi kwisibhedlele saseKolkata ngomhla wethoba kule nyanga.

Uqhankqalazo looGqirha liqhubeke kuninzi lweedolophi eziphambili kwilizwe laseIndiya, bethwele amaxwebhu avakalisa intlungu yabo.

Ezona ndawo ezithe zathatha inxaxheba ngamandla kolu qhankqalazo ziquka ikomkhulu iNew Delhi kwakunye neNagpur.

Ukungakhuseleki kooGqirha kubangela ukuba izibhedlele zinyanzeleke ukuba zisebenzise imali engaphezulu kweyesiqhelo. Maxa wambi aba Gqirha abakwazi ukusebenza amaxesha angaqhelekanga afana nexesha lasebusuku ngenxa yokoyikisela iimpilo zabo.

Aba Gqirha bajikeleze bethwele imibhalo ethi, ‘Sifuna ubulungisa,’ bathi ukuba abakhuselwa soze bakwazi ukusebenza.

Eli loMzantsi Afrika lelinye lamazwe elikhe lajongana nengxaki yoqhankqalazo looGqirha ngenxa yeengxaki zemirholo enganelisiyo.