Bayasibhuda Isingqi Sethu

UDumza Maswana esonwabisa abantu kwintente yomnyhadala we-Isingqi sethu, eSajonisi Imifanekiso: Isolezwe

Kule mpelaveki siphuma kuyo sibe nenyhweba yokungxisha kudaka lwaseSajonisi xeshikweni kuqhutywa umnyhadala we-Isingqi Sethu Wild Coast Cultural Festival.

Phakathi kwabo sinokubabalula bekukho uMphathiswa wezobuGcisa, iNkcubeko nezeMidlalo, uPemmy Majodina, kunye nothotho lweemvumi zomculo wesiNtu ezifana noo 4 x 4, Bizana City Boys, Dumza Maswana nooM.X.O ukubalula nje ezimbalwa.

KwiHolo laseDolophini, eSajonisi, bekukho imiboniso bhanya-bhanya kunye neengxoxo-mpikiswano ngemiba yesiNtu.

Bekunzima ukulandela inkqubo yalo nyaka ngoba ibingacaci into yezithethi kunye namaxesha ebekumele ukuba kwenzeka ngazo izinto.

Umnyhadala wonke ube yindibano apho kuhlalwa kwintente enye oko kuthiwe ntsho amehlo eqongeni; kubukelwe iimvumi nabadidiyeli befashoni kuphela.

Phandle bezikhona ezinye iintente; enye yazo ibilungiselelwe oonomngqushwana – bedlala imidlalo yabantwana, kukwakho neJumping Castle yabo. Kwenye bekukho abayili beempahla nezixhobo zesiNtu kunye neencwadi zesiNtu.

Ezinye iintente ezintathu bezihleli nje kukhala ibhungane kuzo. Xa uzula-zula kweli bala ubufumanisa ukuba azikho ninzi izinto umntu anokuzenza; bekungekho nabantu aba bathengisa ukutya kwesiNtu, abadidiyeli botywala besiNtu nabo bebengekho.

Kuyafuneka lo mnyhadala uboleke kweminye iminyhadala eqhubeka kweli laseMzantsi Afrika ukuze baqinisekise ukuba umntu osuka ngaphandle, naye uyakwazi ukuzonwabisa ngodidi lwezinto ezahlukeneyo.

Isuke yangathi kwenzelwa abahlali baseSajonisi kuphela. Ngunyaka weshumi elinesithoba lo kuqhutywa lo mnyhadala kwaye asibonanga nto inokuthi masiphinde siye pha eSajonisi kulo nyaka uzayo.

Kwa ukubhengezwa kwalo mnyhadala yinto eyenzeke kwisithuba seeveki ezimbini phambi kokuba ufike.

Uqaphele ukuba eminye iminyhadala yaziwa kwakudala ukuba izakubanjwa nini.

Umzekelo, umnyhadala womculo womngqungqo waseKapa sele ubhengeziwe ukuba ungowama 23 -24 kweyoKwindla 2018.

Yintoni eyohlula abe-Isingqi Sethu ukuba bachaze unyaka usaqala ukuba pha kweyeNkanga 2017 ngomhla othile kuzakubakho umnyhadala wabo ukuze nabasuka kude bakwazi ukuzilungiselela bayokubona ubuhle bendalo yaseSajonisi netalente yasemaMpondweni?