Bayatshisa bequmbele ukufakelwa umbane!

Kapa: Babuyele ezitalatweni betshisa amatayala nenkunkuma
abahlali bengingqi i-CH eSite C.

Aba bahlali
bebenze uqhankqalazo ekuzeni kuphela kukaCanzibe begunyazisa ukufakelwa umbane
kumatyotyombe abahlala kuwo, besithi kudala bahlala kula ndawo bengafumani
zinkonzo zingundoqo.

Ngentseni yanamhlanje, aba baphinde benza olu qhankqalazo nolukhokelele
ekutshisweni koduladula wenkampani iGolden Arrow,  kwavalwa nohola wendlela u-N2.

Omnye wabahlali ongafunga kudizwa ngagama uthe: “Safika apha
ngo-1995, kodwa kude kube ngoku asikabinawo nombane lo wembala, into
esiyenziwayo sisiwa ngapha nangapha. Saziwa xa kufike ixesha lokuvota ukuba
singabantu apha, emva kwevoti siyalityalwa. Ukuba asiyinikwa impendulo
esiyifunayo yokuba siwufakelwa nini umbane, sizakuphinda sivale indlela
sitshise abaninzi ooduladula.”

Othethela inkampani yakwaGolden Arrow uBrownen Dyke uthi: “Kutshiswe
uduladula wamnye obuqhutywa linenekazi elifumene umothuko omandla, ooduladula
bethu sibasusile kula mzi ukuqinisekisa ukhuseleko lwabasebenzi kwanabakhweli.
Iziganeko ezinje zenza kubenzima ukuzisa iinkonzo zethu eluntwini kuba ooduladula
bethu batshiselwa izinto esingangeni ndawo kuzo.”

Uceba kula wadi uNtomboxolo Koopman uthi: “Emva koqhankqalazo
lwanamhlanje sidibene nabahlali savumelana ekubeni ngomso sidibane namagosa
esixeko seKapa, asinike ingxelo malunga nokufakelwa umbane. Besikhe safumana
ingxaki yokuba lo mhlaba bahlala kuwo inxalenye yawo yeyesixeko seKapa, logama
enye iyekarhulumente wephondo kodwa ilungisiwe lo nto ngoku.”

Nangona kunjalo, abahlali bamile kwelokuba bafuna umbane
kuba bonele ngamabali nezithembiso ezingafezekiswayo.