Bayavota kodwa abanambane

Abahlali belali yaseMncwasa eMqanduli babecinga ukuba ngeli xesha zakube zitshintshile iimeko zelali yabo ngethuba bethabatha inxaxheba kuvoto ukusukela ngo-1994 kodwa kude yangulo unyaka bengawazi nokuba usetyenziswa njani umbane.

Ngenxa yoku, abahlali bale lali bathi baphila nzima kuba le lali yabo ikude nedolophu. Bathi ukuba bebenombane, ngekungcono kwiimpilo zabo.

Ebona intlungu le, uLungelwa Tyali wale lali, wenze iinzame zokuba aphuhlise ilali yakhe ngokuzama amacebo ezinto ezizakuthi zikhawulelane noluntu ngokweenkonzo. Oku kuza emva kokuba kwiveki ezidlulileyo kufike ibhanki yakwaNedbank enezixhobo ezisebenza ngombane ophehlwa ngelanga.

Kule ndlwana yakwaNedbank kukho izixhobo zophehlo-mbane ngokweSola ezinekezwa abahlali bale lali. Bambi bayakwazi nokugcwalisa amandla weefowuni zabo kwezi zixhobo.

Le ndlwana ikwanazo neenkonzo zakwaNedbank apho izakunceda abahlali ekubeni bakwazi ukuvula amakhadi, bakwazi nokufakelwa iimali zizihlobo zabo ezikude bengadange babe baya kwidolophu yaseMthatha naseMqanduli. Abafundi besikolo iNgangolwandle nabo bayakwazi ukuza kule ndlwana bagcwalise iifowuni zabo.

“Oku isesesona sisombululo kwingxaki yethu yokungabinawo umbane kwindawo yethu kwaye nokubakude nedolophu. Le bhanki ineefesitile ezimbini, kwenye uzokwazi ukuvula ikhadi lakho, kwenye uzokwazi ukufumana neenkcukacha ezipheleleyo ngemali yakho. Oku kwakuthi kukhawulelane noluntu njengoko bekukude nokuya kwidolophu yaseMthatha kuba eMqanduli zingekho zonke iinkonzo,” utshilo uTyali.

UTyali uthi uluntu lwaseMncwasa luyithakazelele le nkqubo njengoko esithi ludize ukuba oku kwakuthi kukhawulelane nemiceli mngeni yokungabi nazinkonzo zingcono zikarhulumente kwindawo yabo.