Bayaxhatshazwa oonogada eBhisho

Ahleli evulekile kungekho nogada amasango okungena kwizakhiwo eziliqela kwikomkhulu leli phondo eBhisho ngethuba oonogada benkampani eziquka iXhobani neXhanti beqhuba uqhankqalazo ngoLwesibini.

Ingxelo yaba nogada ithi ingxaki yabo ephambili zimeko zokusebenza abasebenza phantsi kwazo eziquka imirholo, ikhefu nokungakhuseleki. UNeliswa (asilogama lakhe lokwenene) uthi benza lo imsebenzi kuba bejonge ukondla iintsapho zabo logama bekwancedisa abaqeshi babo.

“Xa benikwa umsebenzi ngurhulumente bathi bahlawula imali eqala kwishumi elinesibini lamawaka eerandi (R12 000) ngonogada omnye logama bona behlawula unogada omnye imali ekumawaka amane eerandi (R4000),” utshilo uNeliswa.

Oonogada benkampani yakwaXhobani abasebenza kwesinye sezakhiwo eBhisho bathi:

“Zigqitha zibe mbini iinyanga singamkeli, sixelelwe ukuba urhulumente akahlawulanga inkampani, siphile ngamatyala, ngelo xesha sihlawula iindawo zokuhlala, iinqwelo zokuhamba, iimali zesikolo zabantwana nezinye,” utshilo umsebenzi.

Enye yezi nkampani ityholwa ukuba ekupheleni konyaka ophelileyo abasebenzi bayo abafumananga mivuzo ukusukela kwinyanga yeNkanga.

“Kwinyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo saxelelwa ukuba siza kubolekwa ngumqeshi imali ekumawaka amabini eerandi, kungekho ngcaciso yokuba kwenzeka ntoni ngemirholo, siphangela singayazi ukuba iza kufumaneka kusinina imali yemirholo kunzima,” utshilo umsebenzi.

Ngenxa yoqhankqalazo loonogada ngonyaka ka2011, ngabantu abangaphezu kwekhulu abathi baphulukana nobomi babo kwiphondo leNtshona Koloni.

Umbutho wabasebenzi iGeneral Industries Workers Union of South Africa (GIWUSA) uzijule ijacu uncedisa abanogada kweli dabi. Umququzeleli walo mbutho kweli phondo uMzwakhe Ntoyakhe uyacacisa.

“Eyona ngxaki iphambili kukungahlawulwa kwabasebenzi bengabazali kujongwe kubo zintsapho zabo, okunganikwa kwabo imali yekhefu neemeko abasebenza phantsi kwazo,” utshilo uNtoyakhe.

Kwinyanga ephelileyo, umphathiswa wemisebenzi yoluntu kweli phondo uThandiswa Marawu, umisele inkqubo yokumiselwa kookopolotyeni boonogada ngelizama ukunqanda olu sizi.

Aba kopolotyeni bajolise ukunika oonogada ithuba lokuba babengabanikazi benkampani zokugada.

Owayesakuba ngunogada nosele eqalise ukuxhamla kule nkqubo yookopolotyeni uthethe wathi: “Sisisombululo esi sokuba abantu bakhutshwe kwezi nkampani babephantsi kookopolotyeni babo, samkela amawaka amabini apha kodwa sisaqeqeshwa ekugqibeleni izakuba ziinkampani zethu ezi.

Umntu ogama linguSkepe wakwaXhanti uphendule wenjenje ngale ngxaki.

“Andikwazi kuphendula ngale ngxaki, andisoze ndikunike igama lam elipheleleyo, ndicela sahlukane,” efuthekile utshilo uSkepe.

UMphumzi Zuzile othethela isebe lemisebenzi yoluntu kweli phondo akafumanekanga ukwenza ilizwi.