BATHI uthuthu eluthuthwini kwi-Ashes to Ashes nanjengoko iGold Diggers iyiyo ezakungena kwindawo yalo mdlalo
we-e-TV xa kuqala inyanga yoMsintsi.
Oku kuza emva kokuba ingavuselelwanga ikhontrakti yokungena kwisizini yesithathu.
“Emva kweesizini ezimbini zedrama ebeyimpumelelo nekwiqondo eliphezulu, umdlalo we-Ashes to Ashes ufikelela esiphelweni ngoLwesihlanu we-2 kweyoMsintsi ngo-8pm,” litshilo eli jelo kwingxelo eliyikhuphileyo.
I-Ashes to Ashes yangena njengezoku khuphisana neGenerations: The Legacy ngethuba igxothe abasebenzi bayo abalishumi elinesithandathu kwisithuba seminyaka emibini edlulileyo. Ezi ithande ukuba zindaba ezingaginyeki kamnandi kubabukeli balo mdlalo ulichunge-chunge.
Kanye kwiiveki ezimbini phambi kokuba ishenxe i-Ashes, eli jelo lithe abalandeli balo mabazilungiselele omnye umdlalo owonwabisayo. Bamile kwelokuba ukususwa kwe-Ashes to Ashes akunanto yakwenza nokushokoxeka kwenani lababukeli.
UNambitha Mpumlwana, uPatrick Shai, Zenande Mfenyane, Atandwa Kani, Maggie Benedict kunye noMandla Gaduka -nabebedlala kulo mdlalo, baphakathi kweshumi elinesithandathu elanikwa uphum’ aphele yiGenerations.
-Simphiwe Freddie
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo