Bayaziyeka iiARV kuba ziyabalambisa!

INtshasiphiwesethu Foundation nengumbutho ozimeleyo nojongene nokuxhasa abo baphila nentsholongwane yeHIV & AIDS, eTsholomnqa eMonti, ikhuthaza ukubaluleka kokusetyenziswa kweepilisi kwabo bosuleleke yile ntsholongwana, ikwakhuthaza ukuzikhusela kwabo bangekafumaniseki benale ntsholongwane.

OnguMsunguli wale NPO, uNtombentsha Gusha, uthi isifo sikagawulayo asilohlazo kodwa lona uluntu lusoyika ukuvela elubala ngenxa yoluntu olugxekayo ekuhlaleni.

UGusha ebethetha kwiHolo yoLuntu kwilali iTyhusha eTsholomnqa ngethuba kulayitwa amakhandlela, kukhunjulwa abo bathi balandulela eli ngenxa yale ntsholongwane njengoko ngomhla wokuqala kule sikuyo ibilusuku elabekwa bucala njengeWorld Aids Day.

UGusha uthi baphantsi kukawadi 32 kuMasipala oMbaxa iBCM, kwaye baneekliniki ezintathu kule wadi, nathi bakwiphulo lokusebenzisana noomongikazi bezi kliniki ukujonga inkqubela.

“Le nkqubela ndithetha ngayo, sifuna ukuqokelela ulwazi koomongikazi ekubeni baqhuba njani abo bathi bayeke phakathi ukutya iipilisi, sibone ukuba singangenelela njani thina siyiNtshasiphiwesethu NPO ukunceda. Oomongikazi bathi isizathu esibekwa ngaba bayeka phakathi ukutya kukuba ezi pilisi bazityayo ziyalambisa kwaye abanako emva ekhaya ukutya,” utshilo uGusha.

Uthi iNPO yabo iyalima ngokuxhaswa liSebe lezoLimo. Balima imifuno nabaye bancedise ngayo kwabo bachaphazelekileyo.

Uthi bayabanika nezithole abakwaziyo balime imifuno kwiigadi zabo, bakwazi ukubanento yokutya, bazokwazi nokutya iipilisi zabo.

UFeziwe Yalezo ophile nale ntsholongwane iminyaka eli-19, uthi ungumzekelo ophilayo namhlanje nangona nje naye ekhe wadlula kwindlela enzima edibana namagingxigingxi. UYalezo ushiye amazwi enkuthazo koogxa bakhe, esithi iiARV ziluncedo kakhulu njengoko esithi wayengatsho ukuba angaze afike kule minyaka mingaka esaphila.

INtshasiphiwesethu NPO rhoqo ngenyanga baphekela abantu isuphu kwezi kliniki zabo zintathu nabakhupha kubo empokothweni.

Uthi le NPO ikwajonge nokunika abantu abatsha izakhono zokuthunga abahleli nje bengenanto yakwenza. UGusha uthi lowo unokunikela ngoomatshini bokuthunga bangakuvuyela oko.

Lo msitho ubuzinyaswe ngamalungu eBCM, amapolisa, nabantwana bexhentsa ngeenjongo zokonwabisa abazali logama abanye bebebonga abanye becondoba eqongeni.