Bayinyoka nesele abadlali boZalo

USihle Ndaba (ekunene) odlala indawo kaSmangele kunye noGugu Gumede odlala indawo kaMamlambo kumdlalo kamabonakude Uzalo

Kuvele ezokuba abasajongani abadlali bomdlalo uZalo uSihle Ndaba odlala indawo kaSmangele noGugu Gumede odlala indawo kaMaMlambo.

Aba badlali kuthe ndi ezokuba sele betshintshela kumagumbi angasese ngenxa yokungaboni ngasonye.

Kuthiwa ukungevani kwabo kudalwe yipolitiki ekhona ngaphakathi nokungabi luncedo kukaSihle kwabanye asebenza nabo.

Umthombo weSolezwe ongaphakathi kulo mdlalo, uveze ukuthi akusasebenzeki sesi sibini ngenxa yedabi eliqhubekayo.

“Bebefudula betshintshela kwindawo enye, kodwa ngoku sebekhetha ukuya kumagumbi angasese. Ingxaki iqale kugula umama kaGugu njengokuba ebecela ukuba kukhawuleziswe ngokwenziwa kweendima zakhe ukuze akwazi ukuyokumjonga. USihle bengakwenzi oko, afike enze ngokucotha kungaziwa ukuba yintoni ingxaki yakhe,” kutsho umthombo.

Uthe oku kuqhubekile nekuphele uGugu ekuqhela.

“Kwiivekana ezimbalwa ezidlulileyo uSihle betshonelwe sisihlobo sakhe, wacela ukuba kukhawuleziswe nokwenziwa kweendawo zakhe kuba efuna ukuhamba, kodwa uGugu wafika sekudlule ixesha ekumele baqale ngalo ukusebenza,” kutsho umthombo.

Uthi oku kudale ukuphazamiseka okukhulu kubantu abasebenza nezi ntokazi ebesekubonakala ukuba azivani.

“Xa sele kuqale umsebenzi wokufota ungaphika ukuba abevani kuba babangamathe nolwimi. Abaphathi bebengekevi ngoku,” kubalisa umthombo.

Imizamo yokuthetha nezi ntokazi ayiphumelelanga nanjengoko umnxeba kaGugu ubuvaliwe.

USihle uthe akuva ukuba yintatheli etsala umnxeba, wavela wawuvala.

Othethela uZalo, uAyanda Mthiyane, uthe abanakuphawula ngoku nanjengoko bebengekevi nto.