Bayiva ngokubaliselwa iqabaka abafundi

Iqabaka bayiva ngokubaliselwa abafundi abangathathintweni eNcedana JSS kuGatyana emva kokuba usomashishini osakhasayo, uLusanda Gexa, owayefudula efunda kwesi sikolo ebanike izihlangu

Ngabafundi abalishumi elinesine abangathantweni abathe baxhamla kwezi zihlangu zalo somashishini uyinzalelwane yale ndawo.

“Eyona nto ebangele ukuba ndinikezele ngezi zihlangu kukubona imeko yabantwana, abangenazihlangu, umakufanwe (uniform), nto leyo endenze ndancedisa,” utshilo uGexa

Imeko yesi sikolo imaxongo, isakhiwo saso sikekele, kwaye njengokuba sinjalo sifundela abantwana abancinci.

“Esi sisikolo asikho semngangathweni, kwaye abazali abafundisa abantwana apha abathathi ntweni baphila ngemali yesibonelelo sikarhulumente,” woleke watsho uGexa.

Ezi meko uzibona njengezinto ezinokutshabalalisa ikamva labantwana xa bengafumani inkxaso kubo bengosomashishini, ingakumbi aba belali iNcedana.

Inqununu yesikolo iNcedana J.S.S, uMbulelo Magodla, uthi uchulumancile ukubona owayesakufunda kwesi sikolo enceda abanye abafundi.

“Ndiziva ndonwabe kakhulu xa ndibona uGexa ehlangula abantwana abangathathintweni bendawo yakhe, kwaye siyalibulela igalelo lakhe.”