Bayuce uNonala ngenxa yesinxibo

IBILUSUKU lakhe lokuqala uNonala Tose njengomsasazi wenkqubo ethi Seza Umphefumlo engena rhoqo ngeeCawe kuMhlobo Wenene, kodwa endaweni yolwamkelo olushushu, abaphulaphuli basebenzise uFacebook wesi sikhululo beyuca le nzwakazi.

Oku kuza emva kokuba uTose efake umfanekiso kuFacebook woMhlobo Wenene FM malunga nentsimbi yeshumi kusasa ngeCawe apho ebenxibe ushoti oveze amathanga phantsi kombhalo othi: “#SezaUmphefumlo nam ngoku. Masimdumise uYehova omkhulu.”

Noxa nje abaye babaphulaphuli bebesithi akukho nto igwenxa, uninzi alukhange luchithe xesha labe luyuca uTose ngelithi isinxibo sakhe asifanelanga umntu ozakwenza la nkqubo, engena phakathi kwentsimbi yesithoba ukuya kweyeshumi elinanye.

Abaphulaphuli bebekhalaza emva kokubona isinxibo sikaTose asinxibe ngethuba esasaza le nkqubo yezokholo.

Khungeka Qum: “Hayi ndiyala apha kwisinxibo sisi, umhle kodwa ke isinxibo sesokuya kulonwabo neetshomi zakho hayi ukuseza ngezwi likaYehova, kaloku kufana noba usenkonzweni unxibe njalo.”

Shwabade Ndiendie Potwana: “Mxm khaniyeke uNoNala , useCaweni noba usemsebenzini?”

Zusiphe Velezantsi: “Hayi kodwa klk isinxibibo sibonisa ukundiliseka kanye nentetho ngabulake noseza umphefumlo ungaya enkonzweni unxibe umfisho phofu ke uphangele mhlawumbi akaphili qha wenza umsebenzi.”

Ncediswa Ncesh Hentili: “Waza wamhle Nonala, nenkqubo yakho indiphilisile. Le yesinxibo ebethwayo apha iyandixaka, abantu banxiba njengawe cc besiya ezinkonzweni zabo especially ezosindiso bahambaze. Ungavi kabhlungu standwa sam, uThixo akufuna emntwini kokungapakathi intliziyo yakho qha.”

Phelisa Pearl: “Nam andiyiginyi ncam intwethetha ukuba ungama ecaweni unje moss kaloku endlini KaThixo kuyahlonitshwa.”

Thulisiwe Mabhokela: “Bethuna hayi hayi akhonto intle apha uNONALA makahloniphe umzimba wakhe nobo buhle bakhe butshambhile cc tuuuuuu.”

Mawande Langeni: “Hayi mntasekhaya buyela kusijika ilanga asifuni kubona la manyala thina enkonzweni.”

Mdumisi Ngamntwini: “Hayi akhonto irongo ngesinxibo sakhe klk useStudio uberongo ngoziveza kuFacebook yena qha.”

UTose uziphendulele kubaphulaphuli esithi abantu kufanele bakwazi okubalulekileyo phambi kobuso bukaThixo.

Uthi eyona nto ibalulekileyo bubudlelwane bakho noSombawo, ngaphandle kwesinxibo.

“Abantu mabayiqonde into yokuba ukuba ngumntu okumoya kohlukile nenkolo.”

“Okubalulekileyo lunxulumano phakathi kwakho noThixo. Ixesha elininzi asithethi ngothando lukaThixo, nto leyo ingunobangela wokuba abantu baphele beyibaleka inkonzo,” utsho.

Lo msasazi ukwangumqulunqi wenkqubo yamagqiyazana kwesa sikhululo uthi, abantu bahlelele ukuthi ngcu kwisitulo sokugweba.

“Abantu bayagweba endaweni yokwakha ubudlelwane nabanye abantu abakuKrestu.

“Mna ndingumKrestu ozelwe ngokutsha, ngoko ke le nto uyibona ngaphandle kum, yinto encinane kunaleyo ingaphakathi,” uzithethelele ngelitshoyo uTose.

Uthi abantu mabohlukane nokucinga ukuba xa usenkonzweni kufuneka ungumntu othile.

“Abantu mabohlukane nokubalekisa abantu enkonzweni ngokubagweba, eyona nto efanelwe kukusasazwa luthando lukaThixo.”

Uthi awamhluphi nakanye amazwi abhalwe kudonga lukaFacebook ngabaphulaphuli.

“Abantu mabaqhubeke bathethe, kodwa thina siyaqhubekeka sithandaza, sizomeleza ngelizwi likaThixo. Andihlupheki ngabantu abathetha kumakhasi onxibelelwano endaweni yokuza kuwe buqu,” uphawule watsho.

Ucebise ngelithi abantu mabangazikhathazi ngokucingwa ngabanye abantu, okubalulekileyo bubudlelwane bomntu noThixo.

Le nkqubo, bifudula isenziwa nguNomonde Vakalisa emva kokushiya kukaBlaq Maci kwesi sikhululo.

UTose utshintshelwe kule nkqubo emva kotshintsho olwenziwe nguMhlobo Wenene fm ebutsheni bale nyanga.