Baza kuba noWhatsApp abakhwetha!

Usekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano neMicimbi yeMveli kuzwelonke uObed Bapela, uthi bafumene imali abaza kuyisebenzisa ukufundisa abantwana abaza kwaluka izinto ezahlukeneyo besebenzisa iWhatsApp namanye amakhasi.

“Kukho imali ezizigidi ezibini esuka kwiLotto eza kunikwa umbutho ozimeleyo ekuthwa yiVusisizwe Trust. Le mali iza kusetyenziswa ukufundisa abantwana abaza kuya esuthwini ngeengcebiso zempilo, ukuthotyelwa komthetho nezinye,” uthethe watsho uBapela.

Uthi le mali iza kusetyenziswa ukuxhoma imibhalo kooWhatsApp, Facebook, Twitter efundisa abantwana abaza kuya esuthwini ezikolweni.

“Senza oku njengenxalenye yeenzame zethu zokulwa ezi ngxaki zibangela ukubhubha kwabakhwetha, ukulimala nokususwa kwamalungu abo obudoda, kuba sifuna iphele nya le ngxaki yokubhubha kwabakhwetha eMzantsi Afrika,” utshilo uBapela.

UBapela uveze oku ngethuba kumiselwa ngokusesikweni ixesha lokwaluka lasebusika kwikomkhulu labaThembu eBumbane eMthatha.

“Ukusebenzisa la makhasi onxibelelwano [ooWhatsApp] kuza kusebenza kuphela kwiintsuku eziphambi kokuba baye esuthwini, azivumelekanga xa besesuthwini,” utshilo uBapela. Nangona kunjalo akayichazi indlela yokuthintela oku xa besesuthwini abakhwetha.

Lo sekelamphathiswa ukwatyhole urhulumente wephondo leMpuma Koloni ngokungabaniki iinkcukachamanani zabakhwetha abangena esuthwini minyaka le.

“Kule minyaka mithathu igqithileyo asikhange siyifumane ingxelo yamanani wabakhwetha abangena esuthwini eMpuma Koloni. EMpumalanga ngabakhwetha abangamashumi amathathu amawaka abe bengene ehlotyeni, eLimpopo bebengamashumi amabini amawaka, asinalo elalapha eMpuma Koloni inani,” utshilo uBapela.

Ezithethelela kwezi zityholo zokungahambisi ingxelo yamanani abakhwetha abolukileyo beli phondo, uMphathiswa uFikile Xasa uthe:

“Ikhona nje ingxaki eyenzekayo kwimicimbi yonxibelelwano phakathi kwethu neofisi kazwelonke, kodwa wona amanani okwaluka kwabantwana ngonyaka ngamnye sibanawo,”utshilo uXasa.

UXasa uxelele iiNkosi ebezilapho ukuba isebe lakhe alinyanzelekanga ukuba lincede kwiingxaki zokubhubha kwabakhwetha.

“Thina olwethu uxanduva kukungenelela nje xa kukho ingxaki. Abanikazi besiko ziiNkosi nabazali babantwana, sincede thina,” utsho uXasa.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthi ikhona inkqubela eyenzekayo malunga nokubanjwa kwabo baxhaphaza abakhwetha.

“Nangona ndingenazo iinkcukacha ezizeleyo, kodwa bayabanjwa abantu ababulala abantwana esuthwini, eLusikisiki sinawo umzeleko ocacileyo wamadoda abanjwa ngamapolisa,” utshilo uNonkonyana.

UBapela uxelele loo nginginya yeeNkosi ukuba sele emnye umkhwetha obhubhileyo kwiphondo laseMpumalanga ukusukela oko kuqale ixesha lokwaluka lasebusika.

“Abantwana abasuka eRawutini basebenzisa amaphondo afana neMpuma Koloni, Mpumalanga neLimpopo ukuya kwaluka, bebaleka iphondo laseRawutini. Kufuneka liyiqwalasele le nto kuba inyusa inani, kuba beza bengagonywanga aba bantwana,” utshilo.

Ezi nzame zokusebenzisa amakhasi onxibelelwano zingaqala kwixesha lolwaluko lasehlotyeni, utshilo uBapela.