Baza kulala bebaliwe emizini yabo

AbakwaStats SA babhengeze ukuba sele beme ubume belinde ukuqalisa nomsebenzi wobaloluntu.

UStats SA uza kuqhuba nobalo loluntu kuzwelonke ukuqala namhlanje, umhla wesithathu ukuya kowama28 kule nyanga yoMdumba.

Malunga nama165 000 abasebenzi bobalo ekulindeleke bathi saa kulo lonke eli bebala wonke umntu okweli lizwe.

UCensus walo nyaka akafani neminyaka edlulileyo nanjengoko eza kuqhuba lo msebenzi ngomnxeba, ngobuxhakaxhaka bale mihla kuquka nokungena umzi nomzi.

Ukubalwa koluntu bekufanele kwenziwe kunyaka ka2021, kodwa ngenxa yeCovid-19 kwabekelwa lo nyaka.

Lo ngunyaka wokuqala ubalo lwabantu lusenziwa ngobuxhakaxhaka bale mihla kususela oko ilizwe lakhululekayo.

Abasebenzi bakaStats SA ababala abantu baza kube benxibe luhlaza, kwaye akukho maphepha aza kusetyenziswa nanjengoko kuza kuqhutywa lomsebenzi ngobochwepheshe bala maxesha, ngoko abasebenzi baza kube bephethe iitablet.

ICensus yalo nyaka kuthiwa ixabise iR3.2 yeebhiliyoni.

.