Baza kuphendula iimviwo zeMatriki ngesiXhosa!

UMphathiswa wezeMfundo ephondweni uFundile Gade ekunye nabafundi baseAmathole belungiselela ixesha elilahleke ngenxa yeLockdown UMFANEKISO: FACEBOOK

Ofuna ukuphendula iimviwo zikaGrade 12 ngesiXhosa eMpuma Koloni kukuye, ukanti nofuna ukuphendula ngeSeSotho kukwakuye.

Okokuqala kwimbali yeli phondo, abafundi balo nyaka baza kuphendula iimviwo ngolwimi lwabo lwenkobe, into ethetha ukuba umfundi anganika inkcazelo yerhasi yohlobo lweSalfyuriki Asidi (Sulphuric Acid H2SO4), kwisifundo senzululwazi, ayixele ukuba yirhasi engenambala, futhi engenavumba esebenzisa ulwimi lwakhe lwenkobe.

NgoMvulo womhla weshumi elinesine kule nyanga, abafundi bakaGrade 12 baza kuhlalela iimviwo ezihlakulela ezokuphela konyaka. NgoMvulo kubhalwa iphepha lezifundo zoshishino (Business Studies P1), isiXhosa (ulwimi lwasekhaya) kwaneSeSotho (ulwimi lwasekhaya).

Isithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uLoyiso Pulumani, uthi eli nyathelo liza emva kokuba beqaphele ukuba abafundi abantsundu abaqhubi kakuhle kwiimviwo xa bethelekiswa nabo bathetha isiNgesi nesiBhulu.

“Bebengasebenzisi ulwimi lwabo lwenkobe ekufundeni, ekufundisweni nakuviwo,” utshilo uPulumani.

“Ngoku baza kuziqonda izinto ezifunwa kuviwo kwaye izakhono zabo ziza kufunquka. Ubuchule bendlela yokufundiswa buza kuphucuka futhi bunike ukuzithemba (kubafundi). Ukunyamezelana ngokwenkcubeko kwanokuhlonipha kuza kukhula,” utshilo uPulumani.

UPulumani uthi inkqubo yokufundisa aba bafundi ngesiXhosa nangeSeSotho ibisele isesimeni.

Abafundi bakaGrade 12 abaza kuxhamla kweli nyathelo lokuphendula iimviwo zabo ngolwmi lwenkobe bangama-61464, xa kudityaniswe abantetho isisiXhosa nabo bantetho isiSeSotho.

Ethetha kumsitho owawuse-ICC eMonti kweyoMqungu 2018, wokunikeza iimbasa kubafundi abagqwesileyo bakaGrade 12 ka2017, uNaledi Mbude-Shale, oligosa eliphezulu kwiSebe lezeMfundo ephondweni, wathi: “Abafundi baseJapan bafunda izibalo (mathematics) ngolwimi lwabo, neekhalityuleyitha zabo zisekelwe kulwimi lwabo lwenkobe.”

UMbude-Shale wayethetha phantsi kwecandelo lembasa yesiXhosa enikezwa kumfundi kaGrade 12 ogqwesileyo kolu lwimi kwiimviwo zokuphela konyaka.

“Awona mazwe aqhuba kakuhle kwezemfundo, ngamazwe afundisa abantwana ngolwimi lwenkobe. Akukho nalinye ilizwe eliphuhlileyo ehlabathini, elisebenzisa ulwimi elingelolalo. Ukuba sicinga ukuba asizukuzihoya iilwimi zethu zenkobe, sibaleke emva kweelwimi zasemzini, siseza kufumana ingxaki.

“Iphondo laseMpuma Koloni ligutyungelwe sisiXhosa. Kutheni le nto singaphuhlisi le nto sinayo (isiXhosa), siyeke ukuleqa into engeyoyethu?” wabuza uMbude-Shale.

Iimviwo zokuphela konyaka zikaGrade 12 ziza kugqityezelwa ngomhla weshumi elinanye kweyoMnga ze ukubalwa kweemviwo kugqityezelwe ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMqungu. Iziphumo zikaGrade 12 zakukhutshwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMdumba.