Baza kuqhubeka nemisebenzi yofana noMandela

UAyanda Mbatyothi kwelinye lamaphulo ebezibandakanye nawo

Abantwana bongasekhoyo uAyanda Mbatyothi (46) obesaziwa kakhulu ngokufana nongasekhoyo uNelson Rholihlahla Mandela de amlinganise nangokuthetha, bathi akukho nto iza kuma, baza kuqhubekeka bephakamisa igama likayise wabo nokuba akasekho yena.

UNoludwe Kanandawo nongunkosikazi kaMbatyothi, encokola nephephandaba I’solezwe, uthe akukho nto iza kuma ngombutho iYoung Madiba Productions.

“Abantwana emva kokukhala kwabo bathe akukho nto iza kuma baza kuqhubekeka apho utata wabo ayeke khona kuba ukunceda abangathathi ntweni ibiyinto ebeyiphila. Kwaye ebekhululeka yinto yokubona omnye umntu ohluphekileyo encuma,” utshilo uNoludwe.

Abantwana ngunyana omdala uMbasa (23), Alupheli kwakunye noKwakhanya (10).

UNoludwe uthi okumphilisa nangakumbi kukuba ulele exolile kuba ulwenzile utshintsho kwabaninzi kwaye uya kukhunjulwa luluntu ngezinto ezintle azenze ekuhlaleni.

UMbatyothi ubhubhe ekuseni ngeCawe kwisibhedlele iFrere eMonti, usuku emva kweMandela Day.

Ulele iiveki zambini eFrere exikixwa yiKhorona. Usapho lungqinile ukuba ubhubhe yiKhorona emva kokuba eye wafunyaniswa enayo kuvavanyo.

UMbatyothi ibingomnye wesicaka saseBuffalo City obethe gqolo ukubonelela abo basweleyo. Waseka iYoung Madiba Production ngo2003 nebinceda abantu abahlelelekileyo eBCM nalapho azalwa khona eDikeni.

Lo kaMbatyothi ebesele ethanda nalo nto yokubizwa Madiba ngoogxa bakhe naxa ekhwazwa esitalatweni.

Ukuqala kokuvalwa kweentshukumo elizweni (lockdown), uMbatyothi watyelela kwilokishi yaseCambrigde eMonti apho waphisa ngokutya kumakhaya ahlelelekileyo esebenzisana no-OK Foods kwakunye neli phephandaba I’solezwe.

Uceba kaWadi 8, uAyanda Mapisa, ukuchaze njengelahleko engathethekiyo ukubhubha kukaYoung Madiba.

Ebhubha nje ebekumalungiselelo okuqokelela izixhobo zokukhusela iKhorona, zisiwe eluntwini.

“Silahlekelwe sisikhokelo sakwaWadi 8, nditsho iBCM iphela. Kutsha nje ebesandula ukundixelela ukuba uceba inkqubo yokuqokelela izikhuseli kwiKhorona, ezifana nesanithayiza neemaski ebezizonikezwa eluntwini,” utshilo uMapisa.

UMbatyothi ungcwatywa kulo Mgqibelo KwaGaga, kwaMasiza eDikeni apho azalwa khona. UMbatyothi uya kukhunjulwa nangamaxhego kwakunye namaxhegokazi aseDuncan Village kuba rhoqo ngeeKrisimesi ebebadibanisa abantu abadala bonwatyiswe, abaphe izipho ezifana neengubo, izihlangu nemiqamelo, aqwele nangeepasile zokutya.