Baza kusokola abavoti yiGNU

Ukugxothwa koSolophu waseTshwane, uCilliers Brink, yenye yezinto ebonisa ukuba ayiqinanga indibanisela yoRhulumente weGNU

Sele zibonakala ngokucacileyo iimpawu zokuba imibutho yezopolitiko eyenze indibanisela yoRhulumente weli ineengxaki zokungaboni ngasonye kweenkokheli zemibutho.

Oku kungaboni ngasonye kuza kuchaphazela ngamandla indlela asebenza ngayo amaSebe kaRhulumente. Kaloku amaSebe ahlukeneyo kuRhulumente akhokelwe zinkokheli eziphuma kwimibutho eyahlukeneyo.

Umbutho weDA ngowona ubonakalisa ngokucacileyo ukuba uhloniphe kakhulu imigaqo nkqubo yawo ngaphezulu kwentando yesininzi sabantu belizwe loMzantsi Afrika.

UNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast, ukungqina ngamandla ukuba abantu baza kubona ukuqhawuka kwenkonzo zikaRhulumente ngenxa yokuba kungavunyelwana ngendlela yokusebenza kwiGovernment of National Unity.

Ukugxothwa koSolophu waseTshwane, uCilliers Brink, yenye yezinto ebonisa ukuba ayiqinanga indibanisela yoRhulumente weGNU. Inkokheli yeDA, uHelen Zille, uvele ngoku enyanzelisa ukuba iANC ibuyisele uBrink esikhundleni sikaSodolophu eTshwane.

Ngaphandle kokuba enyanzela uZille, ubekwagrogrisa ngokuba umbutho wakhe uzakuphuma kwiGNU, kwaye ebengaqali ukwenza ezi zigrogriso.

UMongameli uCyril Ramaphosa, uwutyikitye ebunzimeni umthetho weBasic Education Laws Amendment Bill, oku kungenxa yokuba iDA ibingafuni ukuba uhambele phambili. Imibutho emincinci yona inyanzeleke ukuba ivume yonke into kuba iinkokheli zayo zisamamele ivumba lomhluzi wasePalamente.

Umbuzo ngowokuba ingaba lo mbutho (DA), uza kukwazi na ukuncedisana namanye amaSebe neminye imibutho ukuqhubela phambili inkqubo yokuhanjiswa kweenkonzo eluntwini.

Ngenxa yeGNU umbutho weANC nawo udlakadlaka kuba akuvunyelwana ngezinto ezininzi, oku konke kuza kuchaphazela ukuhanjiswa kweenkonzo eluntwini. Konke oku kuthetha ukuba abavoti baza kubangamaxhoba ayo yonke le meko.