Baza kuvela enkundleni abane ababanjwe ngezityholo zokuthengisa iziyobisi

Iziyobisi kunye nemali efunyenwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engama30 ukuya kwama37 baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yakuKomani namhlanje ngezityholo zokuthengisa iziyobisi, ukuba neziyobisi nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Aba barhanelwa babanjwe ligqiza lesithili saseChris Hani ngethuba beliqhuba iphulo eMlungisi kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu.

Iziyobisi ezithinjwe ngamapolisa. Umfanekiso: SAPS

Ngokwengxelo kaKapteni Yolisa Mgolodela, ngethuba kuqhutywa eli phulo, kugqogqwe abantu abali17 nezindlu ezilithoba. Kutyholwa ukuba kwizindlu ezine iziyobisi eziluhlobo lwetik kunye neepilisi zeboss mandrax eziqikelelwa kwixabiso elingaphaya kweR5500 zathinjwa ngethuba kusenziwa lo msebenzi.

Iilaptop, iifowuni kunye neetablet amapolisa azifumene ngethuba eqhuba lo msebenzi. Umfanekiso: SAPS

“Kwenye yezindlu ubuxhakaxhaka bohlobo lweelaptop, iifowuni, iitablet ezixabisa imali engaphaya kweR30 000 kutyholwa ukuba zathinjwa nanjengoko umrhanelwa engakhange akwazi ukunika impendulo eyanelisayo ngokuba nezi zinto,” utshilo uMgolodela.

UMkomishinala weSithili uMajor General Rudolph Adolph uncome inkathalo nokuzimisela kweqela kwaye wathi iinzame zabo ziya kuba nefuthe elihle ekuncothuleni izenzo zolwaphulomthetho kule ngingqi.