Baza kuvuzwa ootitshala abagqwesayo

UKUFUNDISA abantwana esikolweni ngunozala wazo zonke iinkalo, ngoko ke ootitshala abaqhuba kakuhle esikolweni bafanele ukuvuzwa ngomsebenzi wabo omhle.

Oku kuthethwe yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba lomsitho wokuwongwa kwabafundi abagqwesileyo kuGrade 12 ka2020 eStirling eMonti ngoLwesibini.

“Ukufundisa abantwana ayingomsebenzi, koko lubizo. Kufuneka iindlela zokuvuza ngemali (ngaphandle nje komvuzo wokuphela kwenyanga) ootitshala abaqhuba kakuhle kwizifundo abazifundisayo.

“Siza kubavuza ootitshala abavelisa abafundi abagqwesileyo kwizikolo ezikuQuintile 1,2,3 (izikolo ezihlelelekileyo nezingahlawulisiyo). Ndakhe ndayenza le nto ndisithi utitshala oze neDistinction kwisifundo asifundisayo, ndiza kumvuza ngemali.

“Olwa khuphiswano (lotitshala oza kuvuzwa) lubalulekile kuba yindlela yokukhuthaza ootitshala,” utshilo uMabuyane.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane exhawula uSimamkele Bhongo waseXolilizwe SSS UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UMabuyane ukwathe kuza kubakho iwonga elibizwa Themba Kojana Teacher Excellence Award, lokuwonga ootitshala abagqwesileyo kumsebenzi wabo. UKojana ebeyiNtloko yeSebe lezeMfundo apha ephondweni. Ubhubhe ekuqaleni kwalo nyaka ngenxa yeCovid-19. UKojana wothulelwa umnqwazi ngokuzisa uzinzo kwiSebe lezeMfundo ephondweni.

“Siyalifuna iwonga elibizwa ngoKojana. Ndiyalithiya ngoku. Le ndoda yenze okuninzi kakhulu, yazisa uzinzo kwiSebe lezeMfundo,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ukhuthaze abo baphumeleleyo ukuba baqwalasele amakhondo afana nezolimo, ezobuchwepheshe, ubunjineli, ezendalo, ezelwandle – esithi zinqongophele izakhono kula makhondo.

INkulubaphathiswa ikwaqhwabele izandla abantwana basezilalini, isithi nangona nje izixhobo abanazo zingafani nezo zasedolophini, kodwa bakwazile ukuphumelela phantsi kwezo zixhobo zinqongopheleyo.

UMphathiswa wezeMfundo ephondweni uFundile Gade wenze umbulelo kwiinzame nokusebenza nzima kwabafundi nootitshala nyakenye. UGade uthi izikolo ezihlelelekileyo (Quintile 1, 2, 3) zichaphazelekile ngokweziphumo ngenxa yeCovid-19 logama ezo zihlawulisayo (Quintile 5) zingakhange zichaphazeleke. Izikolo ezihlawulisayo phantsi kwebakala likaQuintile 4, zichaphazeleke kancinane.