Bazakhela amatyotyombe ezilalini

UNomonde Rixana kwityotyombe ahlala kulo nabazukulwana eNqonqweni ePeelton, eQonce

INTO yokuqala xa ubani ecinga ngetyotyombe, ucinga ukuba likwisiza esikufuphi nelokishi okanye idolophu – kuba abantu abagxumeka amatyotyombe benza oko ngenxa yokufuna ukuba kufuphi nempangelo okanye kumathuba engqesho.

Xa ujonga kumaxesha angaphambili ezilalini – noxa nje ayengaxhaphakanga kakhulu amathuba engqesho yasemlungwini – lowo ufumene inxiwa wayekwazi ukuzakhela uronta ebuncinaneni.

Ngelo xesha langaphambili, ukuze ubenoronta kwakufuneka utene ngodaka, uyokupha ingca, kugawulwe iilantyi zilandeliswe ngeepali. Emva koko wawukwazi ukuthengisa nokuba lithokazi lenkomo, uthenge iifestile, ucango, igqongo kwanentambo yokuthunga emva koko ubize ingcibi ikwakhele uronta, ze uyihlawule ngethokazi legusha okanye elebhokhwe.

Ngenxa yokutshintsha kwamaxesha nokunqongophala kwamacebo okuphila asezilalini, ngoku amatyotyombe akekho kufuphi nasezidolophini okanye ezilokishini kuphela. Akhona nasezilalini.

I’solezwe lityelele amakhosikazi amabini, eelali ezohlukeneyo, ahlala ematyotyombeni kwezo lali.

Utyelelo lwethu lokuqala lube kuNomonde Rixana waseNqonqweni ePeelton, eQonce, ohlala kwityotyombe nabazukulwana abahlanu. Imeko imaxongo kweli khaya kwaye uRixana uthi kuba kubi kwaphela mhla kuna imvula.

“Ndihlala kweli tyotyombe kuba andinantsiba zokwakha indlu. Owona mvuzo endinawo ngulo wemali yesibonelelo sabantwana.

Uhlobo endihlala ngalo yintlungu. Akumnandanga ukukhulisa abantwana abancinci kwityotyombe,” utshilo uRixana.Uthi kwinkqubo yokwakhiwa kwezindlu zohlobo lweRDP ePeelton, akazange axhamle ngenxa yokuba kwathiwa inxiwa awayekulo wayengahlelanga ngokusemthethweni kulo.

“Noxa ndiye ndazokuhlala kwisiza sesihlobo sam, andikayakhelwa indlu yeRDP. Abantu balapha elalini banezindlu zabo, bakwanazo nezindlu zeRDP. Mna ndihlala etyotyombeni kodwa andinayo indlu yeRDP.“Bunzima ubomi kum, ndiphila ngamabona-ndenzile. Ukuze ndithenge ukutya kufuneka ndilinde imali yesibonelelo sikarhulumente yabazukulwana,” utshilo uRixana.

Utyelelo lwesibini lubekusapho lakwaMehlwana eMambabaleni eZingqayi, eGcuwa, oluhlala kwityotyombe kule lali.

Kweli tyotyombe kuhlala uMaliviwe Mehlwana (31) kwakunye nomama wakhe uNovusile. Ibhedi inye kweli tyotyombe, ilala uNovusile onesifo sentliziyo. UMaliviwe yena, naye okhathazwa yimpilo yokugula ngengqondo, ulala phantsi esebenzisa ikhuko nomatrasi.

UNovusile uthi: “Sihleli ebugxwayibeni. Intliziyo yam ibuhlungu ngenxa yemeko yobomi endibuphilayo. Into endiyibonayo kukuba ndakuse ndibhubhe ngenxa yentliziyo. Ndihleli kweli tyotyombe ukusukela ngo1996.”

“Ndiyazidela nokuba sele ndiphakathi kwabanye oomama, ngenxa yentlupheko. Ukuze sitye silinda le mali yokugula kukaMaliviwe. Kwalo mali kaMaliviwe isandula ukufika. Ndiyagula kodwa andikwazi nokufumana imali yesibonelelo sabagulayo. Ndicela urhulumente andibonelele ngendlu,” utshilo uNovusile.

Isithethi kwisebe lokuhlaliswa koluntu eMpuma Koloni uLwandile Sicwetsha usoloko ekhuthaza oosomashishini, ooceba neenkokeli zokuhlala ukuba bazise isebe xa kukho abantu abaziimpula zikalujaca ezingenandawo yokufihla intloko. USicwetsha uthi isebe linenkqubo yokwakhela izindlu abantu abadandathekileyo.

Le nkqubo ihlola imeko yolo sapho phambi kokuba kwenziwe isigqibo sokwakha.