Bazakohlwaywa abophula imithetho yolwaluko

Usomlomo womasipala waseNgcobo uSiphokazi Nkele kunye nojongene nokundwendwela amabhoma alo masipala uWandisile Mafufu

I-ofisi kasomlomo webhunga lomasipala waseNgcobo
ibambisene nomasipala wesithili iChris Hani kunye nephondo leMpuma Koloni,
bakhwebe intlanganiso ezokukhumbuza ngokubaluleka kokulandelwa kwemithetho
ngelixa lolwaluko.

Usomlomo weli bhunga uSiphokazi Nkele, uthi
bakholelwa ukuba isiko ngenkqu alibulali ntonje ukutyeshelwa kwemithetho nemigomo
ethile, kuko oku kukhokelela ekufeni nokulahlekelwa kwamalungu obudoda kwabakhwetha.

”Sibulela urhulumente ngokuzisa lo mthetho
wolwaluko. Uza kusincedisa ekuthobeni izinga lokufa kwabakhwetha, abazali
bathathe uxanduva ngabantwana babo, uphinde wenze iingcibi namakhankatha ziqiniseke
ngomsebenzi wazo.

Siza kusebenzisana sisonke ukuqala kwiiNkosi
ukuya kuma kumntu wokugqibela kwenzele ukuba isiko lolwaluko, isiko esime ngalo,
lingaphelelwa sisidima,” utsho uNkele.

Uhambisa athi njengokuba bezizicaka zabantu
nje baza kuqiniseka ukuba benza kanye le nto ilungele abantu.

Oku baza kukwenza bebambisene namasebe
ohlukeneyo karhulumente. Eyona ngxaki bakhe bajongane nayo ngelixa lolwaluko
kule dolophu kukuphela kwamanzi emizimbeni wabakhwetha.

Isebe lezempilo likhuthaza ukuba amakhankatha
akhuthalele ukunika abakhwetha amanzi acocekileyo.

INkosi uGwazinamba Matanzima obeyinxalenye
yokucaciswa kwalo mthetho kubahlali baseNgcobo, uthi beyindlu yeeNkosi bazise
umthetho ohamba noxanduva. 
Uthi ”ukuba abazali bathe boyiswa nguHAYI,
inene siza kuyicela ivuthiwe.

Ngomhla we-19 kweyoMnga kunyaka ophelileyo,
kupasiswe umthetho othi iiNkosi zinoxanduva lokukhomba indawo emakoluselwe kuzo,
oku kuza kunqanda ukufihlwa kwamabhoma angekho mthethweni.  
Ibhoma elingaziwa
yiNkosi liza kuchithwa ngamapolisa, ingcibi mayingoluseli emzini ekuhlalwa kuwo.
Umthetho uthi amakhwenkwe asiwa entabeni kutheni ngoku eza koluselwa ekhayeni.”

Lo mthetho ukwagxininisa ukuba lowo uza
koluka kufuneka abe uyigqibile iminyaka elishumi elinesibhozo, yaye enziwe
uhlolo lwempilo ekliniki, abazali mabamxele umkhwetha ogulayo ukuze eye
esuthwini namayeza okanye iipilisi zakhe.

Ukuba le mithetho ayilandelwanga, abazali, inkosi
yendawo, ingcibi kunye nekhankatha baza kujongana nengalo yomthetho ohamba
nomdliwo wemali okanye isigwebo entolongweni okanye zombini.

Ukanti abafana abafundisa abakhwetha
imfundiso ezigwenxa, abatya ukutya kwabakhwetha nabatshayela emabhomeni baza
kujongana nomthetho nabo. 

Umasipala waseNgcobo uthi mabahambe bephilile babuye
besaphila.