Bazakonwaba ngomculo kamaskandi eVidgesville

Imvumi yomculo kamaskandi * -Uzubenathi Nkosibomvu, owaziwa ngelikaQalumcimbi, uzakube esonwabisa uluntu lwaseVidgesville eMthatha ngoMgqibelo kumnyhadala oququzelelwe liqela elibizwa ngokuba ngaMadelakufa.

UQalumcimbi uthi oku kuyindlela yokonwabisa abantu bakowabo abathe bamnika inkxaso kumculo wakhe ngethuba esaputalaza kumculo kamaskandi.

“Ngumbulelo wam lo. Ndifuna bandibone xa ndiseqongeni ngamehlo bangasoloko besiva sicula kunomathotholo okanye kumacwecwe. Sifuna ukuthatha umculo wethu siwuzise ebantwini kuba kudala abantu baseMthatha besinika inkxaso kule ndlela kwaye kunqabile nokufumana iminyhadala eloluhlobo,” utshilo uQalumcimbi.

UQalumcimbi uthi wakhuliswa yimvumi ebizwa * -100% waseMbizana, nathi ekulendawo nje ngungenxa yakhe umncedise wade wabe ukhupha icwecwe lakhe lokuqala kwekaTshazimpuzi kulo nyaka elithi “Akulaleki xa unemali”.

Uthi eyona nto sele imvuyisa oko waqala ukucula kukuba umculo wakhe sele udlala nakunomathotholo kweli loMzantsi Afrika.

Enye yeengoma zakhe kwicwecwe eli ithi “Ibalulekile imfundo mntanam”. Uthi nangona nje engagqibanga esikolweni kodwa ngokuye ekhula sele ebona ukuba imfundo ibalulekile.

Abalindelekileyo kumnyhadala lo singabalula * -100%, uMdakomnyama, Thembi, Nompilo, Mavelas kwakunye noBhekizenzo Thandanisa. Kanti imvumi enomdla wokungenelela ingangenelela ngemali engange-R150. Abantu bona abanqwenela ukubukela bazakungena nge-R10 kwiholo yoluntu eVidgesville ukusukela ngentsimbi yeshumi ukuya kwesithandathu.