Bazakubanekhaya ngenxa yonyana wabo

Usapho lakwaMaki uSiyabulela, noZingce uMiso kunye noMisiwe ophumelele iR100 000 kwaMTN ngenxa yokuthenga iCaller Tune nge50 cents, emzini wabo oseGqobhasi/Nompumelelo eMontiUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Zizakujika izinto kusapho lakwa Maki ebeluzitsalela nzima elikumatyotyombe aseNompumelelo eMonti emva kokuba lithe laphumelela imali engama(R100 000) kukhuphiswano lakwaMTN.

UMisiwe Maki (33) obebonakala engakholelwa ngokwenzeke kuye uthi ngenxa yokothuka lusuku lwesibini olu engasakufaki ukutya emlonyeni. Uthi uqale ngokuba sokolisa abantu bakwaMTN xa bebemtsalela bemxelela ngezindaba. “Ndimsokolise kakhulu umntu ebenditsalela endixelela ukuba ndiphumelel imali mandizise iinombolo zam zebhanki ndisithi udlala ngam akukhonto injalo. Ndikholelwe emva kwentsuku ezimbalwa ngokuba ndiziyele ngenyawo kwaMTN ndiyokuziqondela ukuba ingaba kunjalo na?. Ndisothukile kakhulu uThixo imithandazo yam uyivile. U-2016 ndihamba naye nguyena ebenzima sivele ngentloko ematyaleni ebesisawabhatala nangoku”

“Ubom kum, kumyeni wam nakubantwana bam ababini buzakutshintsha kuba sizakwakha ikhaya ngalemali.Sihlala etyotyombeni apho xa kunethayo sibanexhala zosuliwe iinyembezi kuthi.”utshilo uMaki.

Ukuba nekhaya kolusapho kulandela emva kokuba unyana wabo wokuqala uMiso (12) kwakunye noZingce (6) bebedlala ngefowuni kaMisiwe apho baye badawuniniloda ingoma yesibhulu nge50c ethi “blou”eculwa nguLaurika Rauch.

UMiso uthe: “Besizidlalela nge fowuni kamama sifaka iingoma khange siyazi ukuba singenela ukhuphiswano. Kodwa ndiyavuya sizakubanekhaya ngoku sihlale endlini nathi.”UMonica Daka ojongene neenkqubo zonkunceda abantu kwaMTN,uthi eyonanto imonwabisa kakhulu kwezinqkubo kukuba isoloko iphumelelwa ngabantu ekubonakalayo ukuba ngenene imfanele le mali izakuthi yenze umahluko omkhulu.

“Ngumntu wesithathu lo ophumelelayo. Kwaye esivuyisayo into kukuba bonke aba ubom babo buyatshintsha kakhulu. Abantu abaninzi baphoswa yimali kuba besithi ngumgunyathi mabasoloko beyokuqinisekisa kooMTN abakufutshane nabo baqinisekise bangaziphosisi ngamathuba.

UMisiwe usebenza eKritshi ebesele bencedwa ngumyeni wakhe uSiyabulela.Olusapho lubulele kwaba kwaMTN.