Bazakubhala kwakhona iimviwo zikaGrade 12 abesehlo sotyatyazo

Abafundi abaphuma kwizikolo zaseQonce kwisibhedlele iGrey Hospital, emva kokufunyanwa sisifo sotyatyazo. UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE
Isebe lezemfundo eMpuma Koloni lithi bazakunikwa ithuba lokubhala kwakhona abafundi bezikolo zaseQonce abathi bachaphazeleka kwiimviwo zabo zikaGrade 12 ngenxa yesehlo sotyatyazo kulandela ukutya amasi atshukulileyo.

 

Luthotho labafundi bezikolo ezingqonge iQonce abathi bangeniswa kwizibhedlele ngenyanga yeDwarha nyakenye emva kokutya umvubo wamasi atshukulileyo. Isebe lithi izikolo ezachaphazeleka kwesi sehlo zingamashumi amabini anesixhenxe.

 

Kwezi zikolo kuquka esamabanga aphezulu iJali Senior Secondary yaseQugqwala eQonce. Ngethuba befikelwa sesi sehlo, aba bafundi babebhala iphepha lokuqala kwisiNgesi kwaye abanye babo kwanyanzeleka ukuba balishiye phakathi iphepha ngenxa yokukreqwa sisisu.

 

Igosa eliphezulu kwisebe lezemfundo ephondweni uRay Tywakadi uthi bane abafundi abathi abakwazi ukuzibhala kakuhle iimviwo zabo zikaGrade 12 ngenxa yesi sehlo. “Siza kubanika ithuba lokubhala kwakhona ngethuba lokubhalwa kweemviwo zokuxabangela (supplementary),” utshilo uTywakadi.