Bazakufundela ebushushwini eMotherwell

Ibiyimibhiyozo yodwa kwisikolo saseMotherwell iDumani Primary School ngethuba bebehanjelwe ngusodolophu waseNelson Mandela Bay uGqirha Danny Jordaan nosomashishini waseBhayi wenkampani iVula Energy uMark Headbush.

Ezi zidwangube bezihambele apha ngeenjongo zokunikezela ngokusesikweni onokutsho bamagumbi amabini afudumeleyo kwesi sikolo nazakusetyenziswa lusatshana lwebanga likaGrade R.

Ethetha kulo msitho, usodolophu uJordaan uncome abantwana besi sikolo ngomdla wabo kwezemidlalo nangempumelelo yakutshanje kwibhola ekhatywayo njengoko bekwinqanaba lesemi-fayinali kwabangaphantsi kweshumi elinesithathu esithi bangantingela phezulu xa benokuzimisela nasemidlaweni.

“Kuninzi ukumosha okwenzekayo phakathi koluntu, kodwa ndikhuthaza isikolo ukuba siqhubekeke ngokulwa sisilwela impumelelo,” kutsho uJordaan.

Obemele ikampani yakwaVula, uMark Headbush uthe babona ukuba bancede esi sikolo ngokuqwalasela iimeko zaso ezimaxongo nezazibangelwa kukuswela amagumbi okufundela ngenxa yobuninzi babantwana.

Uthe izikolo zasezilokishini zijongene nemiceli-mngeni emininzi nto leyo ebangela ukuba abanye babantwana bancame bade baphelele ekushiyeni phambi kwexesha esikolweni bengekafikeleli kwibanga le- matriki.

Uncome iinkokeli zesikolo ngokuzinikela kwazo ekufundiseni.

“Imfundo yenye yezixhobo ezibalulekileyo ekuziseni utshintsho, masimanyane singurhulumente naboshishino sikhulise imfundo,” uthethe watsho.

Utsho esithi ikampani yakhe yagqiba ekubeni izifake zitshone iinzipho kuphuhliso lwezemfundo emva kwexesha elide izibandakanye nemnye imibutho engathathi ntweni.

Esamkela iindwendwe oyinqununu kwesi sikolo uSimphiwe Mkangelwa ubulele ukuhlangulwa kwesikolo sakhe yinkampani yakwaVula nosodolophu esithi imeko yaso ibingamanqumnqezi isoyikisa, esithi lo kaHeadbush wenza into enkulu ngokuza apho azokuzibonela ade anikezele nenxaso engako.