Bazakukwaya uvoto eKeilands

Bafunga bekwathetha ngazwinye abahlali baseKielands kwaWadi 5 eCumakala besithi abazukuthabatha nxaxheba kwinkqubo yokubhalisela uvoto yi-IEC ngomso.

Aba bahlali kwinyanga ephelileyo batshise iziko lokubhalisela ukuvota kule ndawo ngenxa yokuba besithi abanikwa zinkonzo, ngoko ababoni sizathu sokubhalisela ukuvota. Amabini kumadoda athi abanjwa ngenxa yesi siganeko Vuyisile Konzapi no Mxolisi Dlubom akhokhele nakwesi sihlandlo esithi akuzukubhaliswa ukuvota kula ndawo.

“Akukho bantu bakwa-IEC abazakungena apha, kule nyanga iphelileyo bangena ngobusuku sababona sele belapha, ingxaki yethu inye asaziwa apha ngeenkonzo, asinamanzi asinambane asinandlela abantu bayadleka ukuze bafumane iinkonzo,” utshilo uDlubom.

Abantu bale ndawo bathetha ngazwinye kwelokuba ababoni mfuneko yokuthatha inxaxheba kuyo yonke inkqubo yolonyulo.

UNokwakha Madolwana uthi bafika ngonyaka ka1977 kule ndawo kodwa iimpilo zabo azikaguquki nangoki.

“Ndikunye nabahlali aba bathi asizukuthatha nxaxheba ekubhaliseleni ukuvota kuba asihoywanga ngeenkonzo zikarhulumente, kwaye asijiki ngenene asisoze sibhalise ngomso,”uthethe watsho uMadolwana.

Ulutsha lale ndawo lumanyene nabantu abadala bathi urhulumente wephondo leMpuma Koloni ubakhathalela kuphela xa kufike ixesha lokuba kuvotwe.

UNomfana Kolisi ominyaka engamashumi amathathu anesihlanu uyazi kakuhle ingxaki yale ndawo.

“Ngenxa yendlela engekhoyo apha, abantu bade babhubhe kuba kunzima ukungena kwezithuthi zezigulane, xa uqeshe imoto kufuneka ubhatale amakhulu asibhozo eerandi ukuya eCumakala,” utshilo uKolisi.

Ethetha kwipalamente yephondo ngoLwesithathu umphathiswa wentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uFikile Xasa uthe: “Simisele iziko elizakujongana nazo zonke iingxaki ezizakuvela ngeli xesha lokubhalisela ulonyulo, asuzukuba nalusini kuye nabani ophazamisana nale nkqubo,”uthethe watsho Xasa.

UXasa uyibize ngegama le ndawo yaseKieland eyichaza ukuba iyenye yeendawo ezibangele ukuba bathabathe amanyathelo okulwa iingxaki eziphazamisa ukubhalisela ukuvota.”Asoze soyikiswe nangubani nokuba uvela phina, lo ceba nibuza ngaye asimazi nokumazi, nangoku asimazi nokuba akekho apha kuni na,’utshilo Konzapi.

Aba bahlali bathi bagqibela ukubona indlela yabo isenziwa ngexesha kwakuphethe uNosimo Balindlela kweli phondo.

“Naye lowo wayefike apha ehamba ngenqwelo ntaka samgxotha sathi makaqhube kule ndlela sihamba kuyo nathi ingekhoyo, uceba wethu uthi indlela imbi akanakuza apha,”uthethe watsho uKonzapi.

La madoda azakuvela kwakho enkundleni ngomhla weshumi elinesine kwiveki ezayo ngezityholo zokuphazamisa ingalo yomthetho.