Bazakulwela ibheyile abaseKapa ababulele isixhenxe sabantu kuGatyane!

Bazakubuyela kwakhona ngoMvulo umhla wesithathu kuJuni eziNkundleni zamaTyala kuGatyane abarhanelwa abathathu abajongene nezityholo zokudubula babulale abantu abasixhenxe.

Esi siganeko sokudutyulwa kwabantu abasixhenxe senzeka ngomhla we19 kule nyanga kwindawo yakuNxanxashe kuGatyane, apho kwaye kwadutyulwa abane bosapho olunye lakwaSeptember nekuvakala ukuba ngabaseMthatha.

Aba barhanelwa bavele ezinkundleni ngoMvulo, nguInga Sogidashe (33), Vumile Lola (37) kwakunye noSiphelele Ntshiyane (33).

Abarhanelwa bashiyeke ngaphakathi eziseleni nanjengoko beyalelwe ibheyile ngoMvulo kule veki.

Aba bazakube befaka isicelo sebheyile malunga namatyala abajongene nawo, elokubulala kwanokuba nemipu engekho semthethweni.

Esi sithathu sibanjwe ngoLwesine umhla we23 kwiveki ephelileyo eNtshona Koloni.

ULt Gen Nomthetheleli Mene uqwhabele izandla abo baphanda ngeli tyala ngokuzinikela kwabo nangokukhawulezisa kwabo umsebenzi.