Bazakungqala kwimizi ethengisa iziyobisi emva kokubulawa komntwana oneminyaka emine eTown Two

Umama ka-Iyapha onguSindiswa Yamile (iqhiya emnyama), Danile Ngongoshe nabahlali kumthandazo eZone 14.

Kapa: Ibizizijwili zodwa kumthandazo wentwazana eneminyaka emine ubudala efunyenwe iswelekile eZone 14, eTown Two. U-Iyapha Yamile (4) uduke ngeCawe we-30 kuTshazimpuzi, umzimba wakhe wafunyanwa ngosuku olulandelayo – sele ungenakusabela xa ubizwa.

Lo mthandazo ububanjwe kwindawo ofunyenwe kuwo umzimba wale ntwazana nalapho umfundisikazi uNosipho Magcoba athuthuzele usapho ngelizwi lenkosi: “Masithandazeni makhosikazi sifane namakhosikazi akudala ayethandaza kume imigodi, umntu makangahlekisi ngentlungu yomnye umzalikazi, koko makathandazele ukuba uThixo amncede kuba amaxesha amaninzi abantwana bethu benza izinto ezisihlazisayo.”

Uceba kwaWadi 94, uPatrick Mngxunyeni, uthe “Ndibulela ukuba abahlali bedibane ngale ndlela badibene ngayo apha ukuze bakwazi ukukhalimela esi siganeko, asizokuyeka ukunxakama sisenza ingxolo – sisithi inyala elinje ngeli lingaze liphinde lehle apha phakathi kokuhlala. Sifuna nabo batya iziyobisi bakugqiba benze imikhuba enje bayazi ukuba sikukuhlala asifuni kuyibona into enje. Asizokuphelela ukunxakama kule ndawo afunyenwe kuyo * -Iyapha kodwa sizakuya nakunozala wayo yonke le nto kwaye sesiyazi ukuba unozala ziziyobisi.”

Oka Mngxunyeni uthi bazakungqala kwimizi ethengisa iziyobisi; abazokuyivumela ukuba iqhube ushishino logama ukuhlala kusonakala. Uthi baza kuqinisekisa ukuba abonwabi abo bazithengisayo kuba abazokusoloko bephakama mva sele konakele. Abazokulinda amapolisa, bazakuwuphelisa nya umkhuba wokuthengiswa kwe-Tik ngokwabo.

Ukanti liza kubuyela kwinkundla kamantyi waseKhayelitsha ngomhla we-16 kuCanzibe ityala labafana ababini abatyholwa ngokukudlwengula babulale * -Iyapha. Abarhanelwa babanjwe bebane kodwa ababini bakhululwa ngamapolisa.