Bazakuvela enkundleni ababanjwe ngokuphanga kuGatyana

Azakuvela phambi kwenkundla kamantyi wakuGatyana ngoMvulo amadoda abanjwe ngamapolisa kulandela ukuphanga ivenkile kwilali yaseLower Gwadu kuGatyana.
Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha, uthi isehlo sophango kule venkile senzeka ilanga lihlab’ umhlaba ngomhla wesibhozo kule nyanga.

“La madoda aphanga icuba ze aphinda abaleka nesixa-mali esingachazwanga emva kokuphanga le venkile ephethe imipu neemela,” utshilo uManatha. 

UManatha uthi akekho umntu owathi wonzakala ngethuba lolu phango. 

Emva kophando, amapolisa ade abamba esi sine ngoLwesine wale veki.

La madoda aphakathi kweminyaka elishumi anesibhozo ukuya kumashumi amabini anesibini.